Ibhengeze igama lefolosi entsha i-Ajax Cape Town

Ityikitye ifolosi entsha i-Ajax Cape Town. Umfanekiso: Ajax Cape Town

Iqela laseNtshona Koloni, i-Ajax Cape Town, lityikitye ifolosi yaseZambia egama lingu-Aubrey Funga. Isibhengezo senziwe leli qela namhlanje – kwaye isivumelwano sengqesho esityikitywe ngulo mdlali ne-Ajax sakuphelelwa ngo’2021. UFunga uchithe ixeshana kweli qela ephantsi kovavanyo lwabaqeqeshi be-Ajax Cape Town.

Lo mdlali ufikayo kulindeleke anikwe uxanduva lokukhokela i-Ajax kwisigaba sesibini sesizini emva kwesokuqala esokoleyo kuso. UFunga uzakukhuphisana nezihlabane ezaziwayo kwibhola yoMzantsi Afrika eziquka uNathan Paulse noPrince Nxumalo. Le ndedeba izithembile kwaye iqhayisa ngamava ewaqokelele kumaqela edlale kuwo ngaphambili aquka iNkana FC, iNchanga Rangers neZanaco FC. Akayodyongo uFunga ngoba udlalile kwiCaf Champions League nakwiConfederation Cup.

“Ndizimisele ukudlala ngendlela yam eqhelekileyo, kanye leya bendidlala ngayo kwiZanaco. Owona msebenzi ndiwaziyo kukufaka amagowuli nokudala amathuba amagowuli; lo nto indincedile kuwo onke amaqela endiwadlaleleyo. Ndiyakholwa, lo nto izakundinceda nalapha. Iqela, abalawuli balo nabalandeli bafuna umntu onje ngam. Ndicinga ukuba ndizakuwenza umahluko,” utshilo uFunga.

“Ukudlalela eli qela yinto elungileyo kum kakhulu, futhi yeyona izakuthi yondlalele izinto ezinkulu ezizayo. Ukuba lapha kundinika amandla wokuthatha ikhono lam lebhola ekhatywayo ndilise kwelinye inqanaba.” …uvale ngalo mazwi uFunga.

Ingqonyela ye-Ajax, u-Ari Efstathiou, ziyayigcobisa ezi ndaba zokufika kwale ndedeba. “Lo mdlali ufunyenwe ngaxeshanye noRodrick kwaye bobabini bafake amagowuli angamashumi amabini anesine ukuze iZanaco iphumelele indebe kunyaka ophelileyo. Bobabini bayakwazi ukufaka amagowuli, beza nalo mbali ke apha – le nto kanye siyifunayo,” utshilo u-Efstathiou.

Eli qela likwatyikitye uRodrick Kabwe osuka kwiZanaco.