Inkampani ephala phambili ekuququzeleni imilo yamanqindi kweli, iSijuta Promotions, ibhengeze ngokusesikweni umdliva wetumente ozakubanjelwa eOrient Theatre ngoLwesihlanu, kwinkomfa yoonondaba ebibanjelwe eMdantsane Fitness Joint.
Le tumente iquka iimbethi-manqindi ezikumgangatho ophezulu, esingabalula kuzo uSimphiwe Vetyeka, Xolisani Ndongeni noNkosinathi Joyi, kwaye ihambelana nemibhiyozo yeUniversity of Fort Hare (kwaNokholeji) nalapho igqiba iminyaka elikhulu.
Umphathi weSijuta Promotions uAndile SIdinile unabe wathi, “Ndiziva ndonwabe kakhulu, imicimbi iyayondelelana, ndiyathemba nasesikalini zonke iimbethi-manqindi zizakwenza umyinge olindelekileyo. Nangomhla wetumente ndiyathemba izinto zizakuhamba ngokwezicwangciso. AmaJapan alapha kwaye kubonakala ukuba azimisele ukumka nempumelelo.”
“Ingxaki ingavela nanini na, kodwa nezalapha ekhaya iimbethi-manqindi zizilungiselele. Ngumlo omkhulu kakhulu lo, kwaye ndiyathemba abathandi nabalandeli kudala bewulindele ngamehlo abomvu umlo onje. Siyacela ke abantu baphume ngobuninzi babo bazokubukela lento sibaphekele yona,” uqukumbele watsho uSidinile.
Phakathi kwabantu ebebekule nkomfa, singabalula owayesakuba ngumanejala weqela lesizwe kwibhola ekhatywayo nongumphathi weFitness Joint uZola Dunywa, igosa lesebe lezemidlalo uJomo Khatshu nobemele umphathiswa wezemidlalo kwiphondo uPemmy Majodina kwakunye noomaneja neembethi-manqindi.
Kwezinye zezinto ezithe zabalulwa kule nkomfa, yindima edlalwa yiYunivesithi yakwaNokholeji ekuphuculeni umdlalo wamanqindi. Kubalulwa abantu abanjengo Mzukisi Sikweyiya, nowathi wayimbethi-manqindi yokuqala ukufumana imfundo enomsila. Ezimbethi-manqindi zizakuthi zikhwele esikalini namhlanje.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung