Ibhola ekhatywayo iguqula intlalo eSilityiwa!

INever Stars ziintshatsheli ezintsha zeMakhonya Challenge eququzelelwa nguMnu. uZolani Mkhiva kwiilali zaseBholotwa, eDutywa Umfanekiso: Pedro Mapelo

Imidlalo yinto ebalulekileyo entlalweni yoluntu, ingakumbi ebantwini abatsha abasakhangela isitya ebumnyameni.

Ulutsha lweelali zaseBholothwa lusebenzisa ibhola ekhatywayo njengesixhobo esithembekileyo sokuqokelela abantu abatsha ndawonye, iphinde iguqule nemo yentlalo.

Kunjalo kanye kwilali yaseSilityiwa. Yilali ebikade inolutsha olungene phakathi kwiziyobisi eziphazamisa ingqondo – kodwa ukusukela oko kwathi kwasungulwa iNever Stars FC, nguNdoda Lateta – akusafani.

Le ndedeba yakwaLateta yakhulela kuSilityiwa, yadlala ibhola kwakule lali inye – kodwa ngo2015, yagqiba kwelokuba iqokelele ulutsha ngebhola endaweni.

Iziphumo zomsebenzi awenzayo uLateta kwiqela lakhe lebhola zibonakale kwiveki ephelileyo ngethuba iNever Stars yakhe iphumelela itumente enkulu ebizwa ngokuba yiMakhonya Challenge eququzelelwa yimbongi yesizwe uZolani Mkhiva.

Le tumente yasekwa nguMkhiva ibinemidlalo yebhola ekhatywayo neyomnyazi.

INever Stars ithathe indebe ekhatshwe ngamawaka asibhozo eerandi (R8000) emva kokubetha iLeven Attackers FC yaseNgcobo ngo’2-0 kumdlalo wokugqibela obuphucuke kakhulu kwibala laseNgwenze S.S.S.

Abadlali bamaqela omabini badlale umdlalo omhle, bezimisele futhi bebonisa ukuba bafikilele emaphethelweni wetumente eqingqithe iiveki ezintathu kufanelekile.

Amagowuli eStars afakwe nguNkosithandile noYondela Matiti kwisigaba sesibini.

IBholothwa yilali etsala nzima njengazo zonke iilali ngoba ayinawo amabala asemgangathweni ophezulu – kodwa ayotalente ifele ebadlalini kwaye indlela abadlala ngayo inokubangela umntu ongumhambi acinge ukuba badlalela amaqela aphezulu.

“Eyona nto isincedileyo kukuba abadlali bethu bebewulungele umdlalo. Ukuhlala nokudlala ndawonye nako kube nalo igalelo kwimpumelelo esiyizuzileyo. Ndabaqokelela aba bafana bengayidlali ibhola. UBawo uNdongeni wandicebisa ngelithi ukuze iqela lam liqine kufuneka ndilibize ngegama lam. Kwakunzima kuSilityiwa, kodwa bandilandela ndakuvusa eli qela,” utshilo uLateta.