‘Namhlanje ndiyakuyeka ukudlala ibhola ekhatywayo,’ utshilo uKennedy Mweene ekuqaleni kwale veki. Isibhengezo ngokuyeka kukaMweene, 38, silandela ukwenziwa kwakhe isekelamqeqeshi loonozinti nguRulani Mokwena. Le ndedeba yaseZambia yafika eMzantsi Afrika ngo2005 uzokudlalela iFree State Stars. Emva kweminyaka esibhozo, uMweene wabangomnye wabadlali abatyikitywa nguPitso Mosimane ngo2013 xa wayeqala iphulo lokuvuselela iMamelodi Sundowns eyayichitha izigidi zerandi – kodwa kukuncinane kakhulu okungenayo kuyo. Ukusukela mhla wafika kwiDStv Premiership, uMweene wazibonakalisa njengomnye woonozinti abaphambili. Kwiqela elifana neSundowns, uMweene wazenzela umkhitha ngomsebenzi omhle ezipalini.
‘Okokuqala, ndifuna ukubulela abantu abandincedileyo kuhambo lwam njengomdlali webhola ekhatywayo. Intsapho yam, oosisi bam, oobhuti bam, abahlobo bam, abaqeqeshi nabalandeli abandixhasileyo,’ utshilo uMweene kwingxelo ekhutshwe yiSundowns. ‘Okwesibini, ndifuna ukubulela amaqela endiwadlaleleyo, iState House FC, iLusaka Celtics FC, iKitwe United FC, iFree State Stars neMameldi Sundowns endizuze kuyo inqwaba yeendebe. Ndibulela bonke abantu endisebenze nabo, ngakumbi abalandeli,’ utshilo uMweene okwathe ukwanwabele ukudlalela iqela lesizwe laseZambia ngeentsuku zakhe zobutsha. Zilishumi elinesixhenxe iindebe eziphunyelelwe nguMweene, phakathi kwazo kukho eye’Afcon awayifumana emva kokuba iZambia yagqugqisa iAfrika yonke kwiminyaka eyadlulayo.
‘Ndakhuliswa nguMakazi sihlala enkampini yamapolisa eZambia. Ibhola ekhatywayo ibifana notata kum ngoba indifundise ukusebenza ngokuzimisela, ukuthobeka nokubeka ingqondo yam emsebenzini ngalo lonke ixesha. Ibhola indifundise ukuba yindoda ekhululeyo. Indinike ithuba lokuba ngumntu obhetele yandinika nethuba lokudlala nabadlali abangamaqhawe wam. Abo ngabadlali abafana noTeko Modise, uSurprise Moriri, uHlompo Kekana, uEllias Pelembe, uNyandoro, uChris Katongo, uChamanga, Issac Chansa, uRainford Kabala nabanye abaninzi. Kufanelekile ukuyeka kwam ibhola apha eMzantsi Afrika ukuze ndikwazi ukuqala ubomi obutsha kwindawo entsha. Ngoku sendingxamele ukuqala umsebenzi endiwuthanda ngentliziyo yam yonke,’ uvale ngaloo mazwi uMweene.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?