Ibhola iseyeyona nto iqokelela ulutsha ezilalini

Amaqela ebhola ekhatywayo amahlanu akhuphisene kwimidlalo eyohlukeneyo kwiveki ephelileyo kwibala laseLuthuthu umfanekiso: Pedro Mapelo

Nakubeni ilali yaseLuthuthu ingenazo iindawo zokudlala ezisemgangathweni – kodwa ulutsha lusasebenzisa ibhola ekhatywayo njengeyona nto yokuzonwabisa ngeempelaveki.

ILuthuthu yenye yeelali ezinabantu abatsala nzima eMthatha, ingakumbi ulutsha ngenxa yokunqaba kwemisebenzi.

Kwimpelaveki ephelileyo, amaqela ebhola ekhatywayo aquka elaseNgqeleni, eManqabasheni, iMighty Chilas, iBombers FC neMighty Spurs ebedibene kwibala laseLuthuthu – apho ebedlalela imali.

Umdlalo wokuqala obuphakathi kweNgqeleni neSpurs uchithiwe kuba iindwendwe zingalivumi igowuli elifakwe kuzo kwimizuzu yokugqibela yomdlalo.

Emva kokuphikisana ngegowuli ixesha elide, umdlalo obunzima phakathi kweSpurs neChilas ubonwabisile abantu.

Umdlalo uqale ngezinga eliphezulu; iSpurs isukele isebenzisa ifolosi yayo uSonwabile Simanga nomdlali siswini uSiyamcela Mapola – kodwa iye yanzinyelwa ngenxa yabadlali abaqhube kakuhle kakhulu emva abafana noThembani Kama noSiphe Ndwembini.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa. Kuthe sekukwisigaba sesibini, uNqoloba (Inga) wafaka igowuli ephumelele ngalo iSpurs. Nangona iChilas ingaphumelelanga – kodwa indlela edlale ngayo iyancomeka futhi ukuba abadlali bayo bangazimisela, bangaya kude.

Umdlalo wesithathu obuphakathi kweBombers neManqabasheni uye wachithwa nawo ngenxa yobumnyama.

Eso sisishwankathelo somsebenzi omhle owenziwa lulutsha oludinga iindawo eziphucukileyo olunokuzinceda.

Enye indawo ebi nemidlalo yebhola ekhatywayo yilali yaseQweqwe.

Mighty Chilas: Aseza Goli, Siphe Ndwembini, Thembani Kama, Avuyile Mangqasana, Fomokhwe Azuka, Mihlali Bhatyi, Asemahle Dingane, Ndumiso Dingane, Phathuxolo Njemla, Kanti Pathiwe, Mthuthuzeli.

Mighty Spurs: Sipho Gabeni, Mvuzo Simanga, Siyamcela Mapola, Aviwe Kama, Sonwabile Simanga, Mfundiso Nqoloba, Inga Nqoloba, Mthokozisi Mkhotheli, Thembani Ngiqane, Yibanathi Ntsoyitsoyi, Babalo Luhaya.