Pedro Mapelo: Siyakwamkela kweli phephandaba. Gqaba gqaba, uBhuti lo ngubani?
Umlandeli: Ndiyabulela, igama lam ndinguThembisile Mayekiso. Ndingowalapha eMqanduli, kulapho ndazalelwa khona.
PM: Khawutsho nto’ kaMayekiso, uqale nini ukulandela iPirates?
Thembisile Mayekiso: Yooh! Kudala kakhulu ndiliBhakaniya, ndibhadlele kuyo iPirates. Umntu owabangela ndithande ibhola ekhatywayo ngumakazi wam. Wayengumlandeli omkhulu weBucs. Kodwa ke eyona nto mna eyanditsalayo apha kuyo kakhulu ngumdlalo wayo omhle.
PM: Njengomlandeli omkhulu, uziva njani xa ujonga indlela iqela lakhe eliqhubengayo kule sizini?
TM: Andonwabanga ncam. Into endayiphawulayo kukuba umqeqeshi ohambileyo, uMuhsin Ertugral, wayitshintsha mpela indlela iPirates edlala ngayo ibhola. Phantsi kuka-Eric Tinkler zange siphumelele nto – kodwa zange itshintshe indlela esidlala ngayo. Sibuye umva kuErtugral, andonelisekanga kwaphela.
PM: Zeziphi iindawo ocinga ukuba zifuna ukuqiniswa kwiPirates xa kuvulwa?
TM: Indlela abadlali basesiswini abadlala ngayo ayindonwabisi. Ngokwendlela endibona ngayo, abadlali basemva benza iimpazamo kuba esiswimi bengadlali kakuhle. Ndingavuya ukuba bangadlala abadlali abafana noThabo Rakhale noThabo Qalinge.
PM: Ngoobani abadlali obathandayo, kuba kutheni?
TM: Umdlali endimthandayo nguOupa Manyisa. Ngamaxesha onke udlala ngokuzimisela kakhulu nangona ekhathazwe kukonzakala kutshanje. Omnye umdlali endandimthanda nguThandani Ntshumayelo. Wayengumdlali omhle kakhulu ngokwasebholeni. UGimah ngomnye umdlali endimthandayo.
PM: Kutheni abalandeli bengayi emabaleni?
TM: Ndicinga ukuba indlela ibhola edlalwa ngayo ngoku ayifani nakudala. Le yangoku ayisenawo umtsalane. Yayekwa la nto yayiheha abantu.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung