Ibholo lokuthengiswa kwemidlalo kwintenetya

Umdlalo wentenetya, nawo uthaxwe ziindaba zamarhe obuqhetseba, ngoMvulo. Kuye kwatyholwa ngokuba abasemagunyeni khange bakwazi ukusombulula izityholo zokuthengwa kwemidlalo, kanye nje emva kokuba luqalile uphiswano lwe-Australian Open, nelujongwa njengeyona tumente inkulu yonyaka.

Imibutho elawula intenetya kwihlabathi izikhabele kude iingxelo zokuba, abadlali abalishumi elinesithandathu, nababekwa kwabona badlali baphezulu, kuluhlu labadlali abangamashumi amahlanu, bakhe bajamelana nezityholo zokunyoba kwimidlalo yabo kule minyaka idlulileyo.

Bonke aba badlali nabaquka, abakhe baphumelela itayitile yeGrand Slam, baye bavunyelwa ukuba baqhubekeke nokudlala. Kwaye abasibhozo kubo, sele bedlala kwi-Australian Open.

“Ikomiti ejongene nokuziphatha kwintenetya i-TIU kunye nabo basemagunyeni bayazikhaba iingxelo zokuba kuye kwavezwa ubungqina obubambekayo bokuthengwa kwemidlalo, nezokuba le ngxaki ayiphandwa kakuhle,” utshilo usihlalo wale komiti uChris Kermode.

“Nangona iingxelo ezivela kwiBBC zigxininise kwizinto ezenzeka kwiminyaka elishumi edlulileyo, sizakuphanda naluphi na ulwazi olutsha oluvelayo, kwaye sisoloko sisenza njalo,” wangeze ngokutsho uKermode.

Enye into eyathi yavezwa ngumbutho wabadlali bentenetya i-ATP, yaveza ukuba ngo2007 amazwe afana neRussia, Northern Italy kunye neSicily afaka imali eninzi yokubheja, kwimidlalo ethengiweyo. Imidlalo emithathu kule yayidlalelwa eWimbledon.