IBidvest Wits ifuna uKhumalo

IBidvest Wits, yenza iinzame zokuba ityikitye umdlali wangasemva weSuperspot United, uBongani Khumalo.

UKhumalo uzimanye ne-United ekuqaleni kwale sizini, emva kokuba izinto zingakhange zimhambele kakuhle kwiTottenham Hotspur.

UKhumalo nosekhe waba yikapteni yeBafana Bafana, uqale imidlalo esibhozo, kwelishumi elinesibini, emva kokuba ebuyele kuMatsatsantsa. Ukubuya kwakhe, nendlela asele eqhube ngayo ukuza kuthi ga ngoku itsale umdla kumqeqeshi weWits, uGavin Hunt.

Iindaba ezivakalayo zezokuba, uKhumalo sele ephakathi kwiingxoxo kunye noHunt, kwaye kungalindeleka ukuba kuvakale iziphumo zeendibano zabo kungekudala.

UKhumalo udlale indima ebonakalayo kwi-United, ingakumbi kwi-Absa premiership. Yonke le nto uyenze phambili kokuba aye- kudlala kwiSpurs ngo2011.

Amazulu aphinde amtyikitya kwakhona umdlali wase- phikweni ngasemva uS’busiso Hadebe. Ezi zezinye zenzame ezenziwa luSuthu ukubuyela kwiPSL.

UHadebe waye wahamba kweli qela ngo2011, esiya kubamelwane iGolden Arrows. Uye wadlala kwiPlatinum Stars kwisivumelwano seminyaka emibini, ngoJuly ka2013, kodwa ngoku sele ephinda ebuyela eThekwini.

Umqeqeshi weli qela uSteve Barker, uthi bazakubhengeza abanye abadlali abatsha ekuhambeni kosuku.

“Bakhona abanye abadlali esiye sabatyikitya, kwaye siyamamkela * “Mphasha”, sonwabile, kodwa siza- kongeza abadlali abane ukuya kwisihlanu kwiqela lethu.” utshilo uBarker.