IBidvest Wits ityikitye uDaylon Claasen namhlanje

Iintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League zesizini edlulileyo, iBidvest Wits, zityikitye umdlali-siswini uDaylon Claasen namhlanje. IWits idize ezi ndaba kwikhasi layo lonxibelelwano – uTwitter, emini namhlanje. Eli qela laseGoli lizama ukuqinisa iindawo ezithile kulo phambi kwesizini entsha ekulindeleke lilwele ukugcina zombini iindebe eliziphumelele kwisizini edlulileyo.

UClaasen, 27, ubuyela eMzantsi Afrika emva kokuchitha iminyaka esukela ishumi kwizwekazi laseYurophu – apho adlalele amaqela amakhulu afana ne-Ajax Amsterdam ne-1860 Munich yaseGermany. Isivumelwano salo mdlali sifikelela esiphelweni kwiqela laseGermany ngomso emva kokuba kuye kwacaca okuba akasenayo indawo kulo.

Lo mdlali weBafana Bafana walisingela eli lizwe eselula ngokweminyaka emva kokudlalela i-Ajax Cape Town – kodwa ngoku athathwa yiWits, bekuvakala ukuba ugacelwe nangamaqela amakhulu afana neMamelodi Sundowns neKaizer Chiefs. UGavin Hunt uzama ukuqokelela abadlali abanamava nabazakumelana nomthwalo njengokuba iqela lakhe lizakuphindela kwiCaf Champions League ekuqaleni konyaka ozayo.