IBidvest Wits izithathele amanqaku amathathu eNelson Mandela Bay Stadium

Zitha Macheke of Chippa United challenges Deon Hotto of Bidvest Wits during the 2019 Nedbank Cup Quarter Final match between Bidvest Wits and Chippa United on the 30 March 2019 at Bidvest Stadium Pic Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Izuze
amanqaku abalulekileyo iBidvest Wits yatsho yasendaweni entle kwiPrimier Soccer
League. Ngoku iWits ibambene ngamanqaku beMamelodi Sundowns emva kokubetha
iChippa United ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni we-Absa Premier
Soccer League obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium ebusuku namhlanje. UDeon Hotto
nguye ofake igowuli ephumelele ngalo iWits ekwafumene ithuba lokubuyisa isixhiba
emva kokukhutshwa yiChippa United kwiNedbank Cup kwisithuba seeveki ezimbini
ezidlulileyo eGoli. Ukuphumelela kweWits akothusanga ngoba lelona qela elidlale
umdlalo ocacileyo nelikwazileyo ukudala amathuba amaninzi emdlalweni. Izenzele
umsebenzi onzima iChippa ngokufuna ukuhlala emva endaweni yokuhlasela.
Ukungaphumeleli kwayo iChippa yingxaki ngoba isendaweni embi kwiPSL. Into eye
yacaca kwasekuqaleni kukuba uGavin Hunt namakhwenkwe wakhe bebeyokudlalela
amanqaku amathathu eBhayi.

Emva
komdlalo omhle odlalwe ngamaqela omabini kwisiqingatha sokuqala, kuyiw
ekwixesha lokuphumla kungekho nelinye elikwazileyo ukubhalisa ebhodini. Amakhwenke
kaGavin Hunt azibonakalise kwasekuqaleni emdlalweni ngokuhlasela iChippa United
ebinendawana yokuntantazela kwimizuzu yokuqala. Ifolosi yeWits, uLehlohonolo
Majoro, ikhabe ibhola ephume ecaleni emva kokufumana ibhola  endaweni entle emzuzwini wesibini. Kanti
oyena mdlali obeyingozi kwiChippa ibingu-Elias Pelembe, obemane etyala iibhola
eziyingozi. Unozinti weChippa, uMbongeni Mzimela, uvale ibhola engqutywe
ngentloko nguThulani Hlatshwayo emzuzwini weshumi elinesine emva kwebhola
esuswe ekoneni nguPelembe. UThabo Rakhale, uKurt Lentjies noTebogo Tlolane
bazamile ukuhlasela amatyeli amabalwa – kodwa uBuhle Mkhwanazi noHlatshwayo
bebevale mba emva.

Unozinti
weWits, uRicardo Goss, ubambe ibhola ebingenamba isuka ku-Andile Mbenyane – okhabe
engaphandle kancinci kumhlaba kanozinti. Nakwisigaba sesibini, iBidvest Wits
ibiyiyo elawula umdlalo kwimizuzu yokuqala. UThabang Monare uzamile ukukhaba
ibhola ekude – kodwa iye yabhabha emoyeni. Abadlali beChippa banyuse umxakatho.
UKurt Lentjies udlale kakuhle ibhola noMark Mayambela onikele uRakhale ophose
ipali nancinci. UHunti ukhuphe uMajoro, indawo yakhe ethathwe nguFagrie Lakay. Yona
uClinton Larsen ukhuphela uMark Mayambela, endaweni yakhe wafaka uTecious
Malepe. UDeon Hotto ufake igowuli leWits emzuzwini wamashumi asixhenxe anesine.
UGoss uvale ibhola embi ebikhatywe ngu Ruzaigc Gamaldein kufuphi nomhlaba
wakhe. Izamile ukuhlasela iChippa kwimizuzu yokugqibela – kodwa ayikwazanga
ukugqobhoza. Yaba iyaphumelela iWits.

 

Chippa United: Mbongeni Mzimela, Zitha Macheke, Gladwin
Shitolo, Frederic Nsabiyumva, Tebogo Tlolane, Thabo Rakhale, Kurt Lentjies,
Boikanyo Komane, Mark Mayambela, Andile Mbenyane, Rhulani Manzini

Amalalela: Veli Mothwa, Tercious Malepe, Tebogo Makobela,
Ruzaigc Gamaldein, Lerato Manzini, Malama Donashono, William Twala.

Bidvest Wits: Ricado Goss, Thulani Hlatshwayo, Lehlohonolo
Monyane, Buhle Mkhwanazi, S’fiso Hlanti, Deon Hotto, Thabang Monare, Cole
Alexandra, Elias Pelembe, Terrence Dzvukumanja, Lehlohonolo Majoro.

Amalalela: Darren Keet, Vuyo Mere, Simon Murray,
Gabadinho Mhango, Granwald Scott, Fagrie Lakay, Haashim Domingo.