IBidvest Wits ziintshatsheli ze-Absa Premier Soccer League

Gavin Hunt, Coach of Bidvest Wits celebrates goal from Daine Klate during the 2016/17 Absa Premiership football match between Bidvest Wits and Polokwane City at Bidvest Stadium, Johannesburg on 17 May 2017 ©Gavin Barker/BackpagePix

Huntshuuuuu Bidvest Wits! Emva kweminyaka engaphaya kwamashumi amabini yasungulwayo i-Absa Premier Soccer league, namhlanje iWits izenzele imbali ngokuyiphumelela okokuqala kwimbali yayo emva kokubetha iPolokwane City ngo’2-0 kumdlalo obuseBidvest Stadium. Kuvunwa imbewu eyatyalwa ngabaphathi beli qela abaqesha uGavin Hunt kwiminyaka emine eyadlulayo ukuze abancede ngokuzalisekisa umnqweno wabo wokuphumelela le ndebe iphambili kwibhola yelizwe loMzantsi Afrika.

Amagowuli afakwe nguJames Keene noDaine Klate ngawo aqinisekise impumelelo yeli qela laseGoli. Nangona uKlate wathi wadlala indima ebalulekileyo kwimpumelela eyazuzwa yiSuperSport United ne-Orlando Pirates kule ndebe kwiminyaka eyadlulayo – kodwa nakweli ityeli ubonisile ukuba ngokwenene usengomnye woomakhwekhwetha babadlali kwibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.

Pedro Maphelo's photo.

Daine Klate (far right) celebrates goal during the 2016/17 Absa Premiership football match between Bidvest Wits and Polokwane City at Bidvest Stadium, Johannesburg on 17 May 2017 ©Gavin Barker/BackpagePix

Isigaba sokuqala siphele iWits inkqenkqeza phambili emva kokufumana igowuli kwimizuzu yokuqala emdlalweni. UJames Keene, ifolosi eyingozi kakhulu phambi kwepali, ifumene ibhola egotywe kakuhle ekunene ayithathe wayibeka ekoneni ngentloko yakhe. Kuvele kwacaca kwasekuqaleni ukuba uGavin Hunt namakhwenkwe wakhe bazimisele ukuwuphumelela umdlalo kuba bekuvele kwacaca ukuba ngowona uza kubanceda ukuze baphumelele indebe ye-Absa Premier Soccer League. Khange iyekelele nayo kwelayo icala iPolokwane City – kodwa amandla wayo ebengaphantsi kwaweWits. Akubilula konke konke kumaqela amaninzi ukubethela iWits enkundleni yayo.

UDaine Klate ufake igowuli lesibini leWits, ngalo ndlela yacaca ngakumbi indlela yeWits eya empumelelweni. Kwangoko nje emva kwegowuli lesibini, elogcuntswana labalandeli beWits liqale ukubhiyoza ngengoma namagubu wekwayala esoloko isonwabisa eBidvest Stadium. Uphelile umdlalo ingafumananga nelokubika iPolokwane City.