IBlack Eagles neJaguars zigqugqisile eTsholomnqa

Kule nyanga yokubhiyozelwa kwenkcubeko, amaqela ombhoxo nomnyazi ebethe bhazalala kumabala aseZikhova, eTsholomnqa.

Injongo ephambili yokusingatha le tumente ibikukuqokelela ulutsha – kodwa okunye ibikukuqaqambisa indima eyadlalwa ligqala lomzabalazo – uMalcomess Mgabela.

Le tumente ebixhaswa yiBuffalo City Municipality itsale amaqela amaninzi kunye nababukeli abaninzi. Kumaqela ombhoxo aswantsulisene eZikhova, kugqugqise iBlack Eagles neJaguars kwibhola yomnyazi.

Bonke abadlali bamaqela aphumeleleyo banelungelo lokuzingca emva kokubetha oompondo-zihlanjiwe bamaqela.

IBlack Eagles, ephumelele kwitosi ekugqibeleni, idlule kumaqela aquka iLeopards, iBusy Boys, neSwallows yaseMooiplaas. Iintshatsheli, iBlack Eagles, zigoduke namashumi amane amawaka eerandi (R40 000) neembasa, iLeopards ebethwe kumdlalo wokugqibela nayo ifumene imali ekhatshwa ziimbasa.

Kumnyazi, iJaguars yaseDuncan Village izithaphulele kwisityhwentywe semali neembasa. Umqeqeshi weqela eliphumeleleyo, uVusumzi Makeleni, uyivuyele impumelelo yeqela lakhe watsho eyincoma netumente.

“Siqhube kakuhle kakhulu. Umdlalo ubunzima kakhulu, asiqali ukudlala neDuncans. Kokwesibini sidlala nayo, ndingatsho okokuba sidlale umdlalo ophucukileyo kakhulu. Bejonge ukuphumelela umdlalo singayanga nakumapenela. Ndonelisekile ngumgangatho wetumente nangona isentsha nje,” utshilo uMakeleni.

Nangona onelisekile lo mqeqeshi yindlela eqhutywe ngayo le tumente – kodwa uthi zikhona izinto ezifuna ukuphuculwa kuyo ukuze ikwazi ukuya kwinqanaba eliphezulu. Umququzeleli wale tumente uthe izinto zihambe kakuhle kwaye banethemba lokutsala umdla wabantu abadlala imidlalo efana nebhola ekhatywayo.

“Konke kuhambe kakuhle. Abantu bebephumile ukuza kule midlalo yomibini. Besinazo iingxaki phaya naphaya nemithetho ebesiyisebenzisa – kodwa ke sikwazile ukumelana nazo zonke izinto ezithe zavela. Sinethemba lokuba izinto zakuba ngcono kunyaka ozayo,” utshilo uMlungiseleli Qondani.