Kunzima,
bekukhangeleka kunzima – kodwa ibuye yonwabile i-Orlando Pirates emva kokubetha
iBlack Leopards ngoswazi lwayo emdlalweni we-Absa Premiership obunzima
eThohoyandou Stadium ngenjikalanga yanamhlanje. Igowuli ephumelele ngayo
iPirates lithe gqi emizuzwini yokugqibela ngebhola kaThabiso Mokoena ogwaze
umkhonto ekhaya ngentloko ezama ukuchitha ibhola ebigotywe nguVincent Pule
evaleni lasekhohlo. Umdlalo besekucaca okokuba uza kusongwa amaqela
engakwazanga ukubhalisa ebhodini nangona ebekhona amathuba emdlalweni.
Njengesiqhelo, iThohoyandou ibegcwele ithe qhu ngabalandeli abagoduke bexolile
ngumgangatho ophezulu abawunikiweyo ngamaqela omabini. Emva kokudala amathuba
macala, akubangakho qela likwazileyo ukufaka amagowuli kwisigaba sokuqala
somdlalo. Isigaba sesibini besitaka iintlantsi, abadlali bamaqela omabini
bebefuna ukufaka amagowuli – kodwa into ebibabhida kukufaka ibhola emnnathani.
Amathuba adaliweyo emdlalweni ngamaqela omabini ebemaninzi kakhulu.
UGabadinho Mhango,
obekhe akadlali ngenxa yamakhadi, ebekhona emdlalweni noxa kungekho nto
ayenzileyo. Kwelinye icala, uThabo Matlaba, ebeyint’ ibila kwiPirates make kuyo
kunyaka ophelileyo emva kokuyidlalela iminyaka emininzi. Nangona oonozinti
bamaqela omabini beziqaqambisile emdlalweni – kodwa uWayne Sandilands
uyisindisile iPirates ngokwenene emdlalweni wanamhlanje. Ukuphumelela kweqela
likaJosef Zinnbauer kuthetha ukuthi libuyela kwindawo yesibini kwi-Absa
Premiershi noxa liphambili ngomdlalo omnye kwiKaizer Chiefs ebethwe
yiMaritzburg United ngo’2-1 neMamelodi Sundowns evuthulule iChippa United ngo’3-0
izolo. Komnye umdlalo wanamhlanje,
AmaZulu 1-2
Golden Arrows
Kaizer Chiefs 1-2 Maritzburg United
Baroka FC 0-1 Bidvest Wits
Mamelodi Sundowns 3-0 Chippa United
Stellenbosch 1-0 SuperSport United
Leopards: Muleka, Mudau, Zulu, Masia, Matlaba, Gyimah, Abubakar,
Bereng, Ngele, Kapinga, Musonda.
Amalalela: Maduwa, Ndou, Mncwango, Mokoena,
X.Ndlovu, Ng’ambi, Khutlang.
Pirates: Sandilands, Monyane, Maela, Jele,
Nyauza, Mntambo, Lorch, Ndlovu, Mhango, Memela, Pule.
Amalalela: Delle, Ndengane, Mako, Dlamini,
Lepasa, Mulenga, Muwowo.
Luthatha lubeka usapho obeluthenjiswe ngoncedo kumngcwabo womzali ogetyengiweyo!