Iphondo laseLimpompo
linamaqela amathathu ebhola ekhatywayo kwi-Absa Premier Soccer League emva
kokonyukela phezulu kweBlack Leopards izilo. Eli qela laseThohoyandou libethe
iJomo Cosmos ngo’1-0 kumdlalo wokuxabangela (Play-Offs) obubukelwe
ngamawakawaka abalandeli bebhola eThohoyandou Stadium emalanga izolo. Ibhola
entle esuke kuMwape Musonda ephikweni idibene noKarabo Tshepe oyivalele
emnatheni yatsho yaduma iThoyandou Stadium.
Ezenkosi (Jomo
Cosmos) nePlatinum Stars ebekucingeleka ukuba zingabuyela kwiPSL, zife
namthanyana – ngoku into ezinokuyenza kukuya enkampini ziyo kuqulunqa amaqhinga
amatsha phambi kokuqala kwesizini ka-2018/19. Ukunyukela kweBlack Leopards
kuthetha ukuthi iza kufumana imali esisigidi esinesiqingatha serandi
(R1.5-million) endaweni yamakhulu amathathu amawaka erandi (R300 000) ebiwafumana
ngenyanga ngethuba isadlala kwaNational First Division.
Into yokuqala
efanele kukuqwalaselwa ngabaphathi beLidoda Duvha kukuqinisekisa ukuba
umgangatho weThohoyandou Stadium iya melana nemiqathango emiselwe yiPremier
Soccer League ukuze abalandeli beqela bakwazi ukuyibukelela kufutshane.
kwibhola yaseMzantsi Afrika emva kokuba ibambe indawo yokuqala kwaNational
First Division kwisizini ka-2017/18.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party