Iqela lesizwe lo mbhoxo le Springbok Sevens sele liyinukiselwa yimbasa yegolide kwimidlalo ye-Olimpiki eqhubab eRio de Janeiro eBrazil.
Kuleveki eliqela liqale uhambo lwalo oluya kwimpumelelo yegolide, ngokuzibethela iSpain ngo’24-0 kumdlalo wokuvula kwi-Olimpiki eRio.
Iqela leSpringbok Sevens lenze isiqalo esihle kakhulu, nalapho umdlali obalaseleyo uSeabelo Senatla esinde chebetshu emva kokulengwa kakubi kakhulu ngumdlali weSpain. UMzantsi Afrika usebenze ngamandla ekuziqeqesheni kwiindawo ezifana neskram, kwinkampu yokuziqeqesha ibibanjwe eStellenbosch kutsha nje. Isebenze kakhulu ikapteni uKyle Brown oye waya ngamandla ebholeni ukuze efumane iphenalthi.
Emva koko kulandele amanqaku amahlanu ngelixa kungqengqa emgceni uCecil Afrika. UDe Jongh usebenze ngendlela amangalisayo ekwakheni ibhola, wayinika * -Afrika ngokukhawuleza, nongathandabuzanga ukuqabela ngaphaya komdlali odlala ngasemva wayakulala ekalikeni.
Khange aphelele apho * -Afrika kuba emva koku ukwazile ukuphinda aqabelise ezintini. Ngale ndlela ukwazile ukuqokelela amanqaku abaluleke kakhulu kwiBlitzbokke. Kumdlalo ongaphambili kagroup B iFrance ijike izinto ngokubetha i-Australia ngo’31-14.
IBlitzbokke idlale umdlalo wayo wokugqibela kagroup B emva kwemini izolo, kwaye kuqale nemidlalo eyandulela ephambi kwamagqibela kankqoyi.
Impondo Elisha lonwabisa ngomculo walo eGqobhasi kuloMgqibelo