IBlitzbokke isahleli phezulu kwihlabathi

ISpringbok Sevens zinyukele kwindawo yokuqala kwiHSBC World Sevens, nangona baye babethwa ngamanqaku angu 24-21 yiNew Zealand kumdlalo wamagqibela kankqoyi kusasa izolo.

INew Zealand ingqengqe emgceni amatyeli amathathu kwimizuzu emibini yokugqibela, ukuze iphumelele omnye umdlalo wamagqibela kankqoyi phakathi kwala mazwe mabini.

Umdlali odlala kakuhle weBlitzbokke, uRosko Specman ebekhutshiwe ebaleni ngalo lonke eli xesha. Enye into ebaphazamisileyo, khange kuthathelwe ngqalelo ukulala emgceni kukaCheslin Kolbe ngebhola ayinikwe nguSeabelo Senatla.

UMzantsi Afrika uqokelele amanqaku alishumi alinesithoba, kwaye ngoku bakhokela ngamanqaku amabini kuluhlu lamaqela adlala iSevens.

Umjikelo wesine wale midlalo yehlabathi uzakudlalelwa eSydney kule mpelaveki siya kuyo. Ikapteni uPhillip Snyman, kunye noSpecman bangqengqe emgceni bobabini, ngelixa * -Akire Loane eye waphendulela iNew Zealand phambi kwekhefu amanqaku engu14-7 kukhokela uMzantsi Afrika.

USeabelo Senatla uphinde wangqengqa ekalikeni, yaqatyeliswa ibhola yakhe.

Emva kwemidlalo yale mpelaveki, umqeqeshi uNeil Powell uliqhwabele izandla iqela lakhe ngendlela elidlale ngayo: “Ngokucacileyo, ndidanile ziziphumo, kodwa ndanelisekile yindlela esidlale ngayo.

Badlale ngokuzinikela kakhulu, ndiyayivuyela imizamo yabo.”