IBloem Celtic iquthise Amatsatsantsa emdlalweni weDStv Premiership

Emva kokuvuthululwa yiCape Town City ngemvula yamagowuli kwiNedbank Cup, iBloemfontein Celtic ivuke ngeSuperSport United eyibethe ngo’2-1 emdlalweni weDStv Premiership obunomtsalane eDr Molemela Stadium emalanga namhlanje. Bekungelulanga ukudlalela eBloemfontein ngenxa yelanga ebeligqatse uBhoyibhoyi. Lo nto inyanzele abadlali baqale umdlalo ngesantya esiphantsi.

Nangona bekunjalo kuye kwabonakala ukuba alikho iqela elifuna ukulahlekelwa – kodwa ekuhambeni kwexesha aye aswabuluka omabini. Khange kubekho mathuba maninzi adaliweyo emdlalweni – kodwa uRonwen Williams ukhe wavavanywa nguVictor Letsoalo. Kanti naye uSipho Chaine uvale ibhola ebiyimbumbulu ikhatywe nguSipho Mbule. Nangona Amatsatsantsa ebelawula umdlalo, kuyiwe kwixesha lokuphumla kungekho qela elibhalisileyo ebhodini.

Isiqingatha sesibini siye satshisa zisuka. Omabini amaqela asukelene esebenzisa abadlali basemaphikweni. Emva kwemizamo eliqela uWilliams engavumi ezipalini, iCeltic ifumene igowuli elifakwe uReagan van der Ross. Ibhola idibene naye isuka kunozinti osebenzileyo ngokuvimba ibhola kaLetsoalo. Umdlali wasesiswini, uLucky Mohomi, uphendule ngegowuli elihle alifake ekude. Emva koko, omabini amaqela awunyusile umxakatho ezingela igowuli lokuphumelela umdlalo.

Abadlali basemva beCeltic bebexakene nento emva, uThamsanqa Gabuza noBradley Grobler, behlasela macala. Izinto zijike xa kusondela ixesha lokuphela komdlalo ngethuba uMotebang Sera efaka igowuli emva kokufumana ibhola kuTchilimbou obelalele – kodwa ongabonwanga ngusomepepe nomncedisi wakhe. Iwuphumelele ngolo hlobo iCeltic umdlalo wayo wesibini kulo nyaka emva kokunkantsaza ixesha elide kwimidlalo yeDStv Premiership neyeendebe.

Celtic: Chaine, Baloyi, Ngobeni, Lingwati, Mahashe, Rikhotso, Kobedi, Mashikinya, Masuku, Letsoalo, Van de Ross.

Amalalela: Mpoto, De Jong, Luthuli, Matjila, Chabalala, Sera, Ndwandwe, Tchilimbou, Fikizolo.

SuperSport: Williams, Fleurs, Nhlapo, Dithlhokwe, Mahachi, Mohomi, Mbule, Waiswa, Lungu, Grobler, Rusike.

Amalalela: Chigova, Khumalo, Philipps, Webber, Moralo, Gabuza.