
IBloemfontein
Celtic yenze omnye umtsi kwiTelkom Knockout emva kokuphumelela ngale njikalanga.
Eli qela
Stars etsala nzima kule sizini ngo’2-1 kumdlalo obubanjelwe eRoyal Bafokeng
Stadium. Ngalo ndlela Isiwelele Samasele zisibekele indawo kumjikelo ophambi
kwamagqibela kankqoyi weTelkom Knockout emva kokubuya ngasemva emdlalweni. Kuyiwe kwixesha
lokuphumla iPlatinum Stars inkqenkqeza phambili ngegowuli elifakwe
nguBonginkosi Ntuli kumzuzu wamashumi amabini anethoba emva kwempazamo eyenziwe
ngabadlali beCeltic emva. UVuyo Mere ukhe wafumana ithuba kwisigaba sokuqala
somdlalo – kodwa ngelishwa lakhe, izinto azimhambelanga kakuhle.
Kwisigaba sesibini
iCeltic ibuye ineqhinga elitsha; ihlasele kwakwimizuzu yokuqala yade yavuzwa
kumzuzu wamashumi amahlanu anethoba. Igowuli lifakwe nguLantshene Phalane. Kuthe
xa kushiyeke imizuzu elishumi, uTshegofatso Mabaso uyithathe iCeltic wayibeka
endaweni entle ngebhola yakhe. Ngoku iBloem Celtic ilinde amaqela amathathu
azakuphuma kwimidlalo yanamhlanje nangomso. ICeltic esokoleyo kwisizini
egqithileyo kulindeleke ukuba isebenzise le midlalo njengethuba lokubuyisela
isidima sayo kwibhola yoMzantsi Afrika.
Platinum Stars: Visser, De Jongh, Mwedihanga, Zulu,
Sithole, Mere, Ng’ambi, Mkhabela (Matlakala 87′), Links (Mwila 59′), Otladisa, Ntuli.
Rikhotso, Ndengane, Mabena (Lubisi 88′), Letsoalo (Mahlasela 52′) , Letlabika,
Baloyi, Hotto, Motshegwa (Mabaso 74′), Phalane.
Lula da Silva : ‘Wayenyulelwe ukulawula iMelika uTrump’