IBloemfontein Celtic iphuncukile engxakini

Ekugqibeleni ude wancuma umqeqeshi weBloemfontein Celtics emva kokuba ivuthulelule i-Ajax Cape Town ngo’5-0 kumdlalo wePSL eDr Molemela Stadium.

USerame Letsoaka uthe akothuswanga kwaphela yindlela iqela lakhe elidlale ngayo ngoba yindlela leyo ebebewulungiselele ngayo umdlalo. Impemulelo iyithathe iCeltic yayibeka kwindawo yeshumi elinambini, iqokelele amanqaku akumashumi amathathu nanye. Kulo mdlalo wempelaveki iSiwelele senze yonke into kakuhle kwaye isigaba sesithathu siphele sihamba phambili ngo’4-0. Khanje ibenalo ithuna lokulungisa izinto i-Ajax. “Indlela esidlale ngayo yinxalenye yesicwangciso sethu somdlalo.

Kuthe kanye xa besicinezela bavula izithuba phaya ngasemva, sisebenzise zona. Ndingatsho ukuthi bendiyilindele le nto kodwa ibikade ingenzeki kweminye imidlalo. Le mpumelelo yeyabalandeli bethu abasixhasileyo,” utshilo uLetsoaka.

Iphumile engxakini iSiwelele. Ngoku iya kumdlalo ophakathi kwayo neKaizer Chiefs ngoLwesithathu eFNB Stadium ingenalo ixhala.