Ibokoboko amacala iBarcelona emva kokuhanjwa ngenduku yiBayern Munich

epa08604469 FC Barcelona's Luis Suarez (L) in action against Bayern Munich's David Alaba (R) during the UEFA Champions League quarter final soccer match FC Barcelona vs Bayern Munich held at Luz Stadium in Lisbon, Portugal, 14 August 2020. EPA/TIAGO PETINGA

Emdlalweni weChampions
League ongasoze ulityalwe kwimbali yebhola ekhatywayo, iBarcelona iphume ebaleni
ibokoboko amacala emva kokukrolonqwa ngenduku liqela laseJamani – iBayern Munich, ephumelele
ngamagowuli asibhozo kwamabini (8-2). Amajani ayitshaye isaqhuma ngomzuzu
wesine umdlalo uqalile ngethuba uThomas Mueller ebhakuzelisa umnatha.
Ikhawulezise yafaka elayo igowuli iBarcelona ngonyawo likaDavid Alaba ogwaze
umkhonto ekhaya. Emva koko iBayern Munich
ibhalise amagowuli amathathu afakwe nguSerge Gnabry, u-Ivan Perisic nelinye
likaMueller kwisithuba nje semizuzu elishumi. 

Kuyiwe kwixesha lokuphumla
iBarcelona iphefumla ngenxeba emdlalweni obubanjelwe eLisbon. Emva kwemizuzu
embalwa emva kwexesha lokuphumla, iBarcelona ifake igowuli lesibini kwatsho
kwakho intlantsi yethemba. Kodwa iBayern Munich
ibonakalise ukukhohlakala kwayo ngokugalela amanye amagowuli amane. Amagowuli
afakwe nguPhilippe Countinho, uRobert Lewandowski noJoshua Kimmich
atshabalalise onke amathemba weBarcelona okuya phambili kwiChampions League.