Ibokoboko amacala iChippa United eqwangqululwe ngenduku yiMaritzburg United

IMaritzburg United ivuthulule iChippa United ngamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eHarry Gwala Stadium.

Iqela lebhola ekhatywayo laseMpuma Koloni, iChippa United, lingene lema ngomqala engxakini namhlanje emva kokuqwangqululwa ngenduku yiMaritzburg United ephumelele ngemvula yamagowuli amahlanu kwelinye emdlalweni weDStv Premership obubanjelwe eHarry Gwala Stadium. Eva komdlalo wanamhlanje, kuthe huuu kuErnst Middendorp ngoba ngoku iTeam of Choice ithe ngcu kwindawo yeshumi elinambini.

Ukubethwa kweChippa United kuthetha ukuthi idlale imidlalo esibhozo yonke ingaphumeleli nakubeni iqhuba kakuhle kwiNedbank Cup. Nangona ibe yiChippa United eqale yankqonkqoza – kodwa uThabiso Kutumela noBongokuhle Hlongwane ngabona badlali abathe bayingxaki kakhulu xa kuhlasela iMaritzburg United. Itsazilse igazi kuqala iChippa ngebhola efakwe nguMaloisane Mokhele obhakuzelise umnatha ngebhola ayifumene ku-Ayabonga Konqobe.

Iphendule iTeam of Choice ngegowuli elifakwe nguKutumela. Uphinde wafaka elinye uKutumela emva kwemizuzu emihlanu. Kwisigaba sesibini yenze iinguqu iChippa United ezingenzanga mahluko. UHlongwane noTebogo Tlolane bafake amanye amagowuli. Elokugqibela lifakwe nguJose Ali Meza ixesha lomdlalo seliphela. Isiqalo seChippa besisihle – kodwa indlela elwe ngayo iMaritzburg nebizimisele ngayo ukuphumelela umdlalo, yeyona yenze umahluko.

Akungaba ayizamanga iChippa, uMarcel Engelhardt ngoyena mdlali oyikhusele kakhulu iMaritzburg emva. Kweminye imidlalo: iSwallows ibambene neGolden Arrows ngo’1-1 yona iCape Town City ibambene ngeqanda neBaroka FC.

Maritzburg United: Engelhardt, Claasen, Morgan Daniels, Tlolane, Rae, Graham, Meza, Shandu, Hlongwane, Kutumela.

Amalalela: Mpandle, Hlubi, Moseamedi, Allie, Stevic, Ismail, Sifama, Hachi, Ntshangase.

Chippa United: Mtshali, Hanamub, Nhlapho, Msane,Damons, Mthethwa, Mokhele, Konqobe, Mdlinzo, Laffor, Kwem

Amalalela: Watenga, Maloisane, Dinge, Eva Nga, Manyisa, Lebitso, Jodwana, Sibeko, Lentjies.