Ibokoboko amacala iSwallows egqogqwe ngenduku yiPirates edabini laseSoweto!

UMonnapule Saleng we’Orlando Pirates noTlakusani Mthethwa weSwallows FC emdlalweni weDStv Premiership namhlanje eDobsonville Stadium. Umfanekiso: ©Gavin Barker/BackpagePix

Izikhotha amanxeba iSwallows emva kokuqwangqululwa ngenduku yi’Orlando Pirates. Ezimnyama zigoduke ziphethe onke amanqaku emva kokubetha iSwallows ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni weDStv Premiership obubanjelwe eDobsonville Stadium namhlanje ebusuku. Iqhawe lePirates ibe nguMonnapuleng Saleng owenze adume ngazo ngokufaka amagowuli amathathu waze wadala nelesine. Le yimpumelelo entle kakhulu ezuzwe yiPirates futhi eza kubaxolisa abalandeli emva kokuba ibethwe yiKaizer Chiefs ngegowuli elifakwe ngu’Olisa Ndah kwiveki ephelileyo eFNB Stadium kwiveki ephelileyo.

Omabini amaqela aye emdlalweni wanamhlanje efuna amanqaku amathathu ngoba alwela ukufumana iindawo ezibhetele. IPirates izama ukubhukuqala iSuperSport United ekwindawo yesibini ukuze ibuyele emidlalweni yeCAF. Kanti yona iSwallows ibidinga amanqaku ukuze ibhekele kumaqela ajingelwa lizembe. Igowuli lokuqala lifakwe nguSaleng onikelwe ibhola entle nguKabelo Dlamini. Ekuzeni kuphela kwesigaba sokuqala, uTerrence Dzvukamanja ufake igowuli lesibini.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iPirates sele iwugqibile umsebenzi eDobsonville Stadium. Amakhwenkwe kaJose Riveiro adlale ibhola entle futhi ewulawula nomdlalo kwisigaba sesibini ngaphandla kobunzima. USaleng ufake elinye igowuli emva kokunikelwa ibhola ephucukileyo kwakhona nguDlamini kwakhona. Iphendule iSwallows ngegowuli elifakwe nguMthokozisi Shawabule. Akukho nto iyenye ekwazileyo ukuyifumana iSwallows ebidinga amanqaku amathathu emdlalweni obusekhayeni layo.

Uthe umdlalo xa usiya ekupheleni, uSaleng ubethelele isikhonkwane sokugqibela angcwabe ngaso iSwallows ngelinye igowuli alifake ngebhola ayinikwe nguKermit Erasmus. Isahleli kwindawo yesithathu iPirates, phambi kwayo yiSuperSport United esenemidlalo emibini engekayidlali. Yona iSwallows isayibambe kwindawo yeshumi elinesine emva kokuvuthululwa kwayo emdlalweni wanamhlanje. Angeke imonwabise into eyenzeke namhlanje uErnst Middendorp ngoba ebenethemba lokuba abadlali bakhe baza kwenza umsebenzi oncomekayo emva kokubetha iChippa United kwiveki ephelileyo eGqeberha.