Ibokoboko macala iPanama yinduku yamaNgesi!

Harry Kane weNgilane ngethuba lomdlalo weFIFA World Cup 2018 phakathi kweNgilane nePanama eNizhny Novgorod, eRussia, 24 June 2018. Umfanekiso: FRANCK ROBICHON / EPA

IPanama ibokoboko
macala onke yinduku yamaNgesi emva kokubhulelwa amasaka ngo’6-1 kumdlalo
obubanjelwe eNizhny Novgorod Stadium emalanga namhlanje. 

Umtshutshisi
emdlalweni okwaqinisekise ukuba AmaNgesi athatha indawo yawo yokuqala kuGroup G
sisiququ, uHarry Kane, obuye namagowuli amathathu eyedwa namhlanje. Indoda ebhakuzelise
umnatha kwangoko kwisigaba sokuqala nguJohn Stones obuye nesibini samagowuli
kwaze kwalandela uJesse Lingard ngebhola entle kakhulu ayidlalelwe nguRasheem Sterling kude kufuphi nomhlaba kanozinti. Igowuli lokubika lePanama lifakwe nguFelipe Baloy – igqala lomdlali elingene kwisigaba sesibini somdlalo. 

   Image may contain: 1 person, playing a sport, stadium and outdoor   

Ngoku uKane uphala phambili kwindebe yehlabathi ka2018 ngamagowuli amahlanu, ulandelwa
nguCristiano Ronaldo welizwe lasePortugal noRomenu Lakuka waseBelgium
ngamagowuli amathathu ngamnye kubo. 

AmaNgesi aye neqela labadlali abancinane
kwindebe yehlabathi – bazenzele igama ngokuphumelela umdlalo ngemvula
yamagowuli amathandathu. IPanama ifumene ithuba lokubhalisa ebhodini zibekwa
kwisiqingatha sokuqala – kodwa ifolosi yayo ingenwe ngamanzi emadolweni
ayakwazi ukulisebenzisa.

Kuzo zozibini
izigaba zomdlalo, abadlali bePanama benze iimpazamo kwiindawo ezimbi ebaleni.
Lo nto ibangele bohlwaywe kakhulu ngusompempe onike iNgilane amapenela amabini
afakwe nguKane. Umdlalo weNgilane ubumhle kwaye izicacise kwantlandlolo ukuba
ifuna ukuwuphumelela umdlalo. 

Ngoku iqela likaHarry Kane liya kumjikelo olandelayo kwaye lihleli kwindawo
yokuqala kuGroup G, ibambene neBelgium ebethe iTunisia ngo’5-2 kumdlalo
wayizolo eMoscow. 

ITunisia ebuyela ekhaya emva kokuphulukana nemidlalo emibini
kwindebe yehlabathi, kulindeleke izame ukuzixolisa ngePanama edubhudubhu okwenyama yedada.

  Image may contain: 2 people, people smiling, people playing sports, stadium and outdoor  

 England: Jordan Pickford, Harry Maguire, Kieran
Trippier (Danny Rose 70), John Stones, Kyle Walker, Ashley Young, Jesse Lingard
(Fabian Delph 64), Jordan Henderson, Ruben Loftus-cheek, Harry Kane (Jamie
Vardy 63), Rasheem Sterling.

Panama: Jaime
Penedo, Eric Davis, Roman Torres, Michael Murillo, Jose Luis Rodriguez, Anibal
Dodoy (Ricardo Avila
63), Gabriel Gomez (Felipe Baloy 69), Armando Cooper, Edgar Barcenas Abdiel
Arroyo 69), Blas Perez.