IBoks zigxeleshe enye impumelelo eBhayi

Intliziyo kaKapteni waMabhokobhoko, uSiya Kolisi, isadada emafutheni nangona sekuphele iveki emva kokuba liphumelele umdlalo obaluleke kakhulu iqela lakhe.

UMzantsi Afrika wenze imbali ngokubetha iNew Zealand ngo’36-34 kumdlalo weRugby Championship obubanjelwe eWestpac Stadium, eWellington, kwimpelaveki egqithileyo.

Iintliziyo zabadlali nabalandeli beNew Zealand zisachontsiza igazi nangoku emva kokubethwa okokuqala ekhayeni kwisithuba seminyaka elithoba.

Kubuhlungu ukuphulukana nembali enjalo – kodwa eyona nto eyenza kube buhlungu kakhulu kwiNew Zealand kukubethwa nguMzantsi Afrika obuqhwalela emva kokubethwa kwimidlalo emibini phambi kokudlala nayo.

Ukusukela mhla wanikwa uxanduva lokukhokela iqela lesizwe lombhoxo, impumelelo yeveki ephelileyo yeyona ibalulekileyo kuKolisi ngoba ukubetha iintshatsheli zehlabathi yinto enkulu kakhulu futhi ekwayinkuthazo engummangaliso phambi kwendebe yehlabathi.

“Abadlali bachukumiseka yimpumelelo. Into esincedileyo kukusebenza ngokuzimisela ebaleni. Kodwa eyona nto endingayithetha kukuba abadlali bebesenomfutho wokunxanelwa impumelelo ngokufanayo nangokuya babedlala umdlalo wovavanyo eNewlands. Ndingatsho ukuba ukusebenza ngokubambisana yeyona nto esisebenzeleyo,” utshilo uSiya emva komdlalo.

Ngoku iqela likaRassie Erasmus lilungiselela umdlalo obalulekileyo eliza kudibana kuwo neAustralia empelanyanga eNelson Mandela Bay Stadium.

Lowo iyakuba ngumdlalo obalulekileyo kakhulu kuKolisi ngoba uza kube edlalela phambi kwabantu bakowabo eBhayi. Kufuneka uRassie namakhwenkwe akhe bazame ukuqokelela amanye amanqaku apheleleyo.

“Icacile kuthi into ekufuneka siyenze. Kufuneka sizimisele kumdlalo ozayo ngoba lo nto isinike impumelelo. Into efunekayo kukusebenza ngokuzimisela nokuphucula indlela esisebenza ngayo.”