Kuvaliwe ukuthengwa kwabadlali ngamaqela adlala kwiPSL. Nangona kungekho nto yothusayo ngaphandle kokuhamba kukaKermit Erasmus, lugxudululu ekubolekiswe ngalo yiDowns.
ULindokuhle Mbatha [Mamelodi Sundowns] uthathwe yiMpumalanga Black Aces.
Lo mdlali ukwi-Aces ngemboleko kwaye uzakuhlala iinyanga ezintandathu kuphela. UMbatha, 30, wagqama kwiPlatinum Stars phambi kokuya kwiDowns apho adlale kahlanu qha, kanti wayebiziwe kwiBafana Bafana.
IPlatinum Stars ibhengeze uRyan de Jongh njengomdlali wayo omtsha. Lo mdlali, 26, ukhululwe yiMaritzburg United emva kokuva ukuba akekho kwizicwangciso zika Ernst Middendorp.
Ngaphambili uDe Jongh wadlalela iFC AK. Babini abadlali iStars ebolekise ngabo kwiFC Cape Town, nguRofhiwa Tshikovhi noVincent Khumalo.
IBidvest Wits ifumene uSifiso Hlanti kwiqela laseKZN, AmaZulu, ngemboleko.
Lo mdlali udlala emva ekhohlo uzakuhlala iinyanga ezintandathu kuphela. Ekuqaleni kwenyanga ephelileyo iWits ityikitye umdlali owayedlalela iBafana Bafana, uBongani Khumalo nomdlali waseMangesini, uJames Keene, oyingozi phambi kweepali.
Kukhululwe abanye abadlali yiMaritzburg United abangafunwa ngumqeqeshi, uJohn Paintsil no-Ashley Hartog. Eli qela laseMgungundlovu liyasokola kule sizini.
ICeltic yazise iifolosi, uFiston Abdul Razak noJulius Likontsane.
U-Abdul usuka kwiDowns ngemboleko emva kokungafumani ithuba lokudlala, uLikontsane otyikitye iminyaka emithathu usuka kwiWitbank Spurs. Ngabadlali abafike ezithendeni zikaHellings Mhango oye kwiBidvest Wits.
IPolokwane City ifumene * -Edgar Manaka obedlalela iGolden Arrows noThemba Mavundla osuka kwiMaritzburg. Eli qela lamkele indoda yaseBrazil, uMarco Minhouz, ozoncedisa ukuqeqesha abadlali.
IJomo Cosmos ibolekwe uSibusiso Khumalo weDowns, nefolosi yeMilano United, uMthokozisi Msomi.
UNasreddine Nabi uthumele umyalezo kubalandeli beKaizer Chiefs