IBorder Bulldogs ihlazwe ekhaya yiWestern Province

Umdlalo obuphakathi kweBorder Bulldogs neWestern Province uvelise amanqaku amaninzi eSisa Dukashe Stadium namhlanje. Umfanekiso: SuperSport

Iqela lombhoxo laseMonti, iBorder Bulldogs, lizikhotha amanxeba emva kokubethelwa oogqirha nezicaka kwayo ngo’45-7 yiWestern Province kumdlalo weSuperSport Rugby Challenge emalanga namhlanje eSisa Dukashe Stadium. Lo mdlalo obubukelwe ngabantu abangaphaya kweshumi elinesibini lamawaka (12 000) ngoyena ubujongwe ngamahlo abomvu kwaye awubaphoxanga abantu. Emva kwesi sidudla sempumelelo, iWestern Province, ngoku ithe ngcu phezulu ngamashumi amathathu amanqaku – ilandelwa yiBorder Bulldogs nakubeni ibethiwe kule mpelaveki.

IBorder Bulldogs ikhokele ngo’7-0 kungaphelanga nemizuzu elishumi umdlalo uqalile – kodwa iWestern Province ibuyise izitya ngomzuzu weshumi elinesihlanu ngokuthi ilale emgceni ifake nepenela. Nangona iBulldogs zidlale kakuhle kulo mdlalo, into engayenzanga kakuhle kukuvumela iWestern Province ibuyele emdlalweni. Kuyiwe kwixesha lokuphumla iqela laseNtshona Koloni lihamba phambili ngo’21-7. Alifakanga amanqaku kuphela eli qela laseNtshona, liqinisekise ukuba liwakhusela amanqaku walo.

Emva kwekhefu iBorder Bulldogs ibiphantsi koxinizelelo ngenxa yabantu abebezalise ibala bebejonge kuyo kakhulu futhi belindele impumelelo kuyo. Yongeze amanye amanqaku iWestern Province ekubuyeni kwayo kwixesha lokuphumla, ngalo ndlela, iqinisa amathuba wayo okuphumelela umdlalo. Idlale umdlalo omhle ngeyona ndlela iBulldogs, obalekayo futhi abadlali bayo babonise obukhulu ubukrelekrele xa bephethe ibhola. Abanye babadlali bayo (Border Bulldogs) abadlale kakuhle kulo mdlalo nguLindokuhle Welemu, uBangihlombe Kobese noYanga Xakalashe.

Abadlali beWestern Province baze eMonti bezilungiselele ngokupheleleyo, lo nto ibonakele kwindlela edibeneyo abadlale ngayo kulo mdlalo. Noxa iindwendwe bezihamb’ emva ekuqaleni komdlalo – kodwa khange kubekho kuxhamazela zikubonisileyo. Endaweni yoko, kubonakele abantu abaze benenjongo ecacileyo eMpuma Koloni ekhatshwe kukuzimisela. Abanye babadlali beWestern Province abathe bazibonakalisa kulo mdlalo nguRuben de Villiers, uDu Toit, uJaco Coetzee noGrant Hemanus. Kwiveki ezayo iWestern Province izakudibana neBoland Kavaliers.