IBorder Women izibeke endaweni entle

Iqela labasetyhini lebhola yombhoxo iBorder Bulldogs

Ibiyimincili novuyo kubadlali nabathandi bombhoxo wamanina kwiBorder emva kokubetha iWestern Province ngo’19-10, eBuffalo City Stadium kwiveki ephelileyo.

La maqela ebejijisana ngendawo yokuqala emva kokuyiphumelela yomibini imidlalo yokuvula. Alele kathathu emgceni amanina aseMpuma Koloni, kanti ayibone izihlandlo zazibini ikalika awaseNtshona Koloni.

Umqeqeshi weBorder, uNwabisa Ngxathu, uthi ukubetha kwabo iWestern Province kubabeka endaweni entle kakhulu.

“Ibalulekile kakhulu kuthi le mpumelelo. IWestern Province lelona qela linobuzaza kule tumente,” utshilo uNgxathu.

OkaNgxathu ukholelwa ukuba impumelelo ifana nokubeka inyawo elinye kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi.

“Ibingowona mdlalo ebesifuna ukuwuphumelela ngoba ukuphumelela wona kufana nokubeka inyawo elinye kumdlalo wamagqibela kankqoyi.

Ukudlala umdlalo wamagqibela kankqoyi ebuhlantini bethu kusinika ithuba elihle lokuphumelela indebe,” utshilo uNgxathu.

UNgxathu uthi uqinisekile ukuba baza kuwaqokelela olishumi amanqaku kwimidlalo yabo emibi eshiyekileyo phambi kokuya kumdlalo owandulela owamagqibela kankqoyi.

“Andizideleli iSharks neFree State, kodwa siza kubabetha kwaye siza kuqinisekisa ukuba sibuya namanqaku amahlanu kumdlalo ngamnye,” utshilo uNgxathu.

UKapteni weli qela, uZintle Mpupha, uthi impumelelo ithetha ukuthi iphupha labo lokuphumelela indebe, linako ukufezekiseka.

“Sibethe iintshatsheli, elona qela liyingozi kule tumente. Maninzi kakhulu ngoku amathuba okudlalela umdlalo wamagqibela kankqoyi ekhaya. Iphupha lethu lokuphumelela indebe lingafezekiseka,” utshilo ongumdlali weqela lesizwe labadlali abasixhenxe eMzantsi Afrika.

UMpupha uthi ukholelwa ukuba zikhona nje izinto ezincinci ekusafuneka bezilungisile beli qela. “Ewe, siphumelele, kodwa zikhona izinto ekufuneka sizilungisile,” utshilo.