IBoxing SA ikweletwa iR6.28-million ngabathelekisi bamanqindi!

Ingqonyela ebambeleyo, uMandla Ntlanganiso, ixelele amajelo eendaba ukuba abathelekisi bakweleta iBoxing South Africa imali engaphaya kwezigidi ezithandathu zerandi (R6.28m) zonke. Njengokuba isigqeba esitsha esiphethe iBoxing South Africa, kukho iphulo eliqalileyo elijoliswe ekuphuculeni indlela elisebenza ngayo iqumrhu elilawula amanqindi eMzantsi Afrika. Bebonke abathelekisi abakweleta iBoxing South Afrika bangamashumi amabini anesixhenxe – kodwa izikweleti zabo azilingani. Kukho onetyala elizizigidi ezibini zonke kwiR6.28m elityala eliquka bonke abathelekisi eMzantsi Afrika.

Umntu ngamnye onenkampani enetyala kuthiwa makabe ebhatala i30% yetyala ubuncinane ngokutsho kukaLuvuyo Bayeni olilungu lesigqeba esikhokele iBoxing South Africa. Kwintlanganiso ebibanjwe kutshanje, kubhengezwe abantu abaza kuba ziintloko zeekomiti eziza kujongana nemisebenzi eyahlukeneyo yeBoxing South Africa. Ngokutsho kukaBayeni, uthe bazimisele ukubeka phambili amanqindi kuyo yonke into abayizamayo. Kulindeleke ukuba kubekho intlanganiso yabo bonke ababandakanyeka emanqindi phambi kokuba iinkokeli zidibane noRhulumente.

Iinkokeli ezintsha zizivulile izandla ngoba zifuna kubekho ukubonisana phakathi kwazo nabo baneelayisenisi zokuququzelela imilo yeembethimanqindi. Enye yezinto eyabethelelwa nguMnu. Zizi Kodwa esenguMphathiswa weZemidlalo lulawulo olusulungekileyo. Lithuba elide umdlalo wamanqindi ungaxhaswa ziinkampani ezizimeleyo ngenxa yolawulo olungasulungekanga kakuhle. Kukhangeleka ngathi abaphathi abatsha bazama ukucoca indlu – kodwa akukho bani owaziyo ukuba ilinge labo lawukwamkelwa nguye wonke umntu kusina na ebantwini bamanqindi.

“Ukufumana abaxhasi yeyona nto ephambili kuthi. Yiyo lo nto sifuna ukuqinisa ukuthembeka kolawulo emdlalweni wamanqindi ngendlela awatsho ngayo uMphathiswa weZemidlalo,” utshilo uBayeni. Abaphathi abatsha bafuna ukuqinisa umthetho emva kokutyholwa kwabangaphambili ngokuyekelela.

“Imali enikwa iBoxing SA nguRhulumente lishumi elinethoba lezigidi zerandi (R19-million). Ukuze kubekho ukuphucuka kwezinto, kufuneka kubekho ukuqiniswa kolawulo lwezimali ngaphakathi. Akukacaci nokuba iza kubuya na imali ekweletwa ngabathelekisi.