IBrazil idlulele phambili emva kokuquthisa iMexico

Roberto Firmino of Brazil (L) celebrates with Fernandinho of Brazil (C) and Neymar of Brazil scoring the 2-0 goal during the FIFA World Cup 2018 round of 16 soccer match between Brazil and Mexico in Samara, Russia, 02 July 2018. By: WALLACE WOON / EPA

Ngokuya kuhamba
ixesha kwindebe yehlabathi ka-2018, uNeymar uluthathela kuye uxanduva lokuqinisekisa
ukuba ilizwe lakhe lifumana impumelelo. Kumdlalo equthise kuwo iMexico ngo’2-0
omhle eSamara Stadium – uNeymar ubhakuzelise umnatha kumzuzu wesihlanu
kwisigaba sesibini somdlalo. Ekungeneni kukaRoberto Firmino, kwakhona ibe nguNeymar
odale ithuba lokufaka igowuli emdlalweni. UWillian yenye wamadoda aseBrazil adlale umdlalo oncomekayo kumdlalo wanamhlanje nakubeni umdlali wosuku kuthiwe nguNeymar. Ukubethwa kweMexico akwenzekanga
ngaphandle kokuzama – kodwa iBrazil ibonisile kwakhona kwindebe yehlabathi
ukuba akululanga ukufakwa kwamagowuli kuyo ngokuthintela abadlali beMexico
ekungekho nto abangayizamanga kwizigaba zozibini zomdlalo. Ngoku iBrazil
idlulela kumjikelo olandelayo oyisondeza kweyona njongo yokudibana kwamazwe
ehlabathi eRussia – ukuphakamisa indebe yehlabathi ngomhla wokugqibela.

  Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor   

Isigaba sokuqala
sinike umdla kakhulu. Abadlali beMexico baquqe bebuyelela okwezulu laseMthatha kumhlaba
weBrazil oyinozi kwimizuzu yokuqala yomdlalo. Kube nzima kekambe ukugqobhoza
kubadlali beBrazil abalishica emva – kodwa iMexico ikwazile ukufumana iikona
ezibalekayo noxa ingakwazanga ukuzisebenzisa kakuhle. UNeymar – eyona ndoda
ijongwe kakhulu kwimidlalo yehlabathi – ngelo xesha ibingabonakali. Kuthe xa
imizuzu ileqa amashumi amabini, yaswabuluka iBrazil. UNeymar, uCountinho
neGabriel Jesus bayihlasele macala iMexoco – kodwa iinzame zabo azizanga nanto.
Ilizwe elikwazileyo ukudala amathuba acacileyo emdlalweni ibe yiBrazil. Zibe
khona iintlantsi ezithembisayo emdlalweni – kodwa kude kwaphela ixesha
kwisigaba sokuqala kungekho lizwe elikwazileyo ukubhalisa ebhodini nangona
umdlalo ubulawulwa yiBrazil.

UNeymar uyibeke
phambili iBrazil emva kokufumana ibhola egotywe enxele nguWillian. Ihlasele kwade
kwakabini emva kwegowuli iMexico kubonakala nyhani ukuba izimisele ukufumana
igowuli lokulinganisa. UHector Herrera yenye yamadoda kwiMexico ebisilwa
ngamandla neBrazil ebeseyithande ukuba horho kwisigaba sesibini. UPaulinho ukhabe
imbumbulu yebhola ebanjwe ngunozinti weMexico, uGuillermo Ochoa, ebengunozala
weebhola ebezihlanganisa yiBrazil kwilinge layo lokufumana igowuli lesibini. UCarlos
Vela ukhabe ibhola ekude ebethwe lula ngunozinti weBrazil okungekho nto ingako
ayenzileyo kwisigaba sokuqala. Kubekho ukuphucuka kumdlalo weMexico kwisigaba
sesibini. Abadlali abafana noHugo Ayala, uHirving Lozano noCarlos Salcedo
azamile ukulwa kakhulu – into ebiwabetha kukungakwazi ukudibanisa kakuhle
iibhola xa engene kumhlaba kanozinti.

                                   Image may contain: 1 person, playing a sport and outdoor

Umqeqeshi weBrazil,
uTite, ufake uRoberto Firmino endaweni kaCountinho. Akuphelanga nemizuzu emibini
uFerminho ubeke ibhola emnatheni ayigqibezele ibekwe kakuhle phambi kwakhe
nguNeymar obethe amadoda ekunxele. Ukubethwa kweMexico kuthetha ukuthi iyagoduka
– yona iBrazil ifumana ithuba lokuya kumjikelo olandelayo wendebe yehlabathi
ebanjelwe eRussia.

Brazil: Alisson, Filipe Luis, Miranda,
Thiago Silva, Fagner, Neymar, Casemiro, Philippe Countinho, Paulinho, Willian,
Gabriel Jesus.

Mexico: Guillermo Ochoa, Jesus Gallardo, Carlos
Salcedo, Hugo Ayala, Edson Alvarez, Andres Guardado, Rafael Marquez, Hector
Herrera, Hirving Lozano, Javier Hernandez, Carlos Vela.