Ingene ibaleka iBrazil kwiTop 8 yeFifa World Cup okwemela eshushu ebhotolweni emva kokubetha lula iSouth Korea ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni obubanjelwe e974 Stadium ebusuku izolo. Ngelishwa layo iKorea, indlela yayo iphelile namhlanje emva komsebenzi omhle kakhulu ewenzileyo kwitumente yehlabathi ebanjelwe eQatar kulo nyaka. Kunzima kakhulu ukoyisa iBrazil ngoba idlala umdlalo ophucukuleyo kakhulu futhi inabadlali abayingozi – ngakumbi xa kukho uNeymar oyinjini yayo.
Ngoku iBrazil yongeza inani lamaqela aphumeleleyo afana neNetherlands, Argentina, iFrance, iNgilane neCroatia. Isigaba ekuso indebe yehlabathi sesona sinzima futhi nesinomdla ngoba kulapho kucaca khona amaqela anamandla ebholeni ekhatywayo. Yingqaka yamaqela ngoku eshiyekileyo eQatar kwaye kuseza kutsha ibhayi. Isiqingatha sokuqala besitshisa bhe. Omabini amaqela angene enethemba lokwenza kakuhle – kodwa iKorea ifuna ukwenza imbali ngokubetha iBrazil iye kwiTop 8 yeFifa World Cup.
Akubanga njalo ngoba kuphele imizuzu elishumi elinanye iBrazil inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini. Igowuli lokuqala lifakwe nguVinicius Jr emva kwebhola ethe gqi kugxa wakhe ekunene. Emva kwakhe, uNeymar Jr ufake igowuli lesibini ngepenela emva kokuwiswa kukaRichaelison emhlabeni kanozinti. Khange ityhafe iSouth Korea, ityhale ngesifuba isiya phambili. ULucas Paqueta ufake igowuli lesine emva kokudlalelwa ibhola nguVinicius noNeymar.
UHwang ukhe wazama ukukhabe ezipalini zeBrazil – kodwa ilinge lakhe eliphumelelanga. Noxa isiqingatha sokuqala besisini kwiKorea, abadlali abafana noHwang, uKim Jinsu, uJung, noSon bazamile ukuqinisekisa ukuba iSouth Korea iyalwa emdlalweni nakubeni bekuvele kwacaca kwasekuqaleni komdlalo ukuba iBrazil ihorho kunayo. Umqeqeshi weSouth Korea wenze iinguqu phambi kokuqala kwesigaba sesibini somdlalo. Indawo kaKim Jinsu ithathwe nguHong Chul, ekaJung Wooyoung yaze ekaHwang Inbeom yathathwa nguPaik Seungho.
Abadlali beKorea babuye ngamandla kwisigaba sesibini. USon ufumene ithuba lokufaka igowuli – kodwa uAlisson Becker uyivalile ibhola yakhe ezipalini. Izamile ukuphindisa nayo iBrazi ngebhola ebikhatywe nguRaphinha – kodwa akavumanga naye uSeunggyu ezipalini. UTite ukhuphe amathemba wakhe afana noNeymar okhathazwa kukonzakala, uVinicius noDanilo. Ifumene igowuli lokubika ekhaya iKorea ngebhola efakwe nguPaik Seungho emzuzwini wamashumi asixhenxe ansihlanu.
Phambi kokukhutshwa kwakhe uAlisson, ukhe waxakeka kakhulu abadlali beSouth Korea befuna into ebilapha. Kodwa ke ekugqibeleni, iBrazil iphumelele ngamagowuli amane kwelinye. Komnye umdlalo obusemalanga izolo, iCroatia idlulele kwisigaba esilandelayo seFifa World Cup emva kokubetha iJapan ngo’3-1 kumapenela emva komdlalo ophele ebambene ngo’1-1 eAl Janoub Stadium. Ngomso kuseza kudlala amanye amaqela amane aquka iPortugal, iSpain, iSwitzerland neMorocco ekuphela kweqela eliphuma eAfrika.
ABafana Bafana bayingombe yanaba iCongo Brazzaville, eGqeberha!