Ukhephantsi isitya sigcwele uMzantsi Afrika emdlalweni obethwe kuwo yiBrazil ngorhatya namhlanje. Emdlalweni wokuqala ukusukela oko bathi baphumelela indebe yeWafcon, aBanyana Banyana bavuthululwe yiBrazil ngamagowuli amathathu eqandeni (3-0) e-Orlando Stadium ebinebathwana labalandeli. UDesiree Ellis uqale umdlalo ngabadlali abaqhelekileyo ngaphandle kwabadlali ababini, uThembi Kgatlane osonzakeleyo noNoko Matlou, obenengxaki yamaphepha okundwendwela. Isiqingatha sokuqala siphele iBrazil inkqenkqeza phambili ngamagowuli amabini ewafumene emizuzwini yokugqibela. Ubumhle kakhulu umdlalo, omabini amaqela ebedlala ibhola eyibeke phantsi – kodwa esiya phambili. Iinjini zoMzantsi Afrika, uJermaine Seoposenwe noLinda Motlhalo, bebesenza ezibukwayo esiswini.
Ingxaki yaBanyana Banyana ibinye tshu: ibe kukungakwazi ukukhabela iipali zeBrazil. Noxa iindwendwe bezibonaka ukuba zisemgangathweni ongasentla – kodwa zikhe zabhideka ixesha elide zingakwazi ukufaka amagowuli. Unozinto weBrazil, uLorena da Silva, ukhe waphantse wasengxaki ngethuba uNoxolo Cesane ezama ibhola engangenanga emnatheni. Ngokuhamba kwexesha, abadlali beBrazil bangenile egiyeni futhi bazibonisa iintshatsheli zeAfrika ukuba nabo bayakwazi ukwenza izinto zenzeke. UGeyse Ferreira ufake igowuli lokuqala lomdlalo kushiyeke imizuzu embalwa kuyiwe ekhefini. Ufake elesibini uAndriana Leal da Silva emva kwempazamo eyenziwe nguBangeka Gamede owoyiswe kukuchitha ibhola emhlabeni kanozinti.
Emva kokudlala kakuhle isiqingatha sokuqala, aBanyana Banyana basiqale isigaba sesibini bephantsi koxinizelelo. UDesiree ufake abadlali abatsha abaquka igqala lomdlali, uJanine Van Wyk, kwisigaba sesibini. Awukwazanga uMzantsi Afrika ukutyhoboza kwiBrazil edlale umdlalo osezingeni eliphezulu. Endaweni yoko, iBrazil ifumene igowuli elifakwe nguTamires de Britto emva kokuba uBambani Mbane ephise ngebhola unozinti wakhe eyibiza. Awuhlazekanga uMzantsi Afrika ngoba umdlale kakuhle kakhulu nangona ungakwazanga ukufaka amagowuli. Omabini amazwe alungiselela ukuya kwitumente yehlabathi ekunyaka ozayo. NgoMvulo weveki ezayo, uMzantsi Afrika neBrazil ziza kudlalo umdlalo wesibini wobuhlobo eMoses Mabhida Stadium.
IPirates idibana neentanga zayo namhlanje kwiMTN8, utsho uSage Stephens!