IBrutten Top 10 ifana nesibane esisentabeni emdlalweni wombhoxo

Ekuqaleni kwenyanga ephelileyo, iBorder Rugby Union iphehlelele itumente yokuqala entsha kraca phantsi kwayo. Oku ikwenze kuba ifuna ukuvuselela umdlalo wombhoxo kummandla weBorder kwiphondo leMpuma Koloni.

Imbali ithi iBorder yenye yeendawo ezazihamba phambili eMzantsi Afrika kwicala lokuvelisa abadlali bombhoxo abade badlalele iqela lesizwe, iSpringbok. Emva kokuzama ukuqhuzula iingxaki ebeziyombethe ixesha elide, iBorder Rugby isungule itumente eqhubekayo esemgangathweni ophezulu.

Emva kweeveki ezintathu kuqalwe imidlalo, iBrutten Top 10 ifumene indawo ezingqondweni, ezintlizyweni nasemilonyeni yabantu eMonti neziphaluka. Ukusukela ekuqaleni, abantu baseMdantsane babukele abadlali abangaphezulu kwamakhulu amabini anamashumi amahlanu (250) bekhuphisana (ngokwahlukana kwamaqela wabo) ngendebe ehamba namashumi amathathu amawaka erandi.

Kodwa eyona nto ethe yagqama okwesibane esisentabeni yitalente yabadlali ethe yabhencwa yimidlalo yeBrutten Top 10. Abaququzeleli benze umsebenzi oncomekayo kwezi veki zintathu ezidlulileyo.

Ukunika ulutsha ithuba lokwakha ingomso yeyona nto efuna ukuqhwatyelwa izandla ngabantu bonke abaxhasa ubulungisa. Basebenzisa imidlalo njengesixhobo esibukhali sokwanga ikamva lelizwe laseMzantsi Afrika. Indlela ephethwe ngayo iBrutten Top 10 iyancomeka futhi iza kukhuthaza uTekkie Town, uFNB noCastle Lager ukuze batyale imali ngakumbi.

Into ethandekayo kukuba yonke into yenziwa ngexesha, kakuhle, ngembeko futhi ngokukhulu ukuzimisela. Ukudlalela eSisa Dukashe Stadium yaba sisigqibo esihle ngoba imidlalo isondele apho kuhlala khona abantu abaninzi. Enye yezinto encomekayo eyenziwa ngabaphathi kukuxuba amaqela amakhulu namancinci.

Ukunika wonke umntu ithuba lokuthatha inxaxheba kwitumente entle njengale yinto engasoze ilityalwe zizizukulwana ezizayo. Okunye okungakubalulwa ngetumente yeBorder Rugby kukuba inike amaqela amancinci ithuba lokuzigxama kooxholovane. Mabini amaqela angekabethwa kwiBrutten Top 10. Loo maqela yiWSU All Blacks neBCM. ISwallows nePolice (EC) zikhe zaxikixwa kakubi kwiiveki ezidlulileyo.

Kanti abantu abaninzi bafumene ithuba lokubona iLovedale College neYoung Leopards ezithimbe iingqondo zabo ngenxa yomdlalo omhle. Umgangatho wemidlalo uyancomeka ngoba abadlali badlalela ukubonwa ngamaqela amakhulu. Abaqeqeshi bayayazi into abayenzayo.

Lo nto ibonakala kwindlela amaqela adlala ngayo xa esebaleni ivakale nakuhlalutyo emva kwemidlalo. Kulindeleke ukuba kuqhume uthuli kwakhona ngeCawe xa amaqela edibana eMdantsane. Imidlalo imi ngolu hlobo: Komga United vs Swallows; Fort Hare Blues vs United Brothers; Young Leopards vs FB United, EL Police vs WSU All Blacks.