IBucs ityikitye umdlali weLeopards

Umdlali weBlack Leopards obekade efunwa yiKaizer Chiefs uthathwe yiOrlando Pirates.

Iindaba ngokuhamba kukaMeshack Maphangule oya kwiPirates ziqinisekisiwe yiLeopards ngokwengxelo zamajelo eendaba.

Umqeqeshi weBucs, uMilutin Sredojevic uzama ukuqinisa iqela lakhe phambi kokuvulwa kwesizini entsha ekulindeleke iPirates idlale kwiCaf Champions League.

“Xa usengumdlali osakhulayo, uye unqwenele ukudlalela iPirates okanye iChiefs. Ndiyavuya ngoba umqweno wam ujike wayinyaniso.

Ndizimisele ukusebenza ngokukhulu ukukhuthala kwiPirates,” utshilo uMaphangule.