Igwetyiwe indlala ebantwini ekudala belangazelela ukubukela ibhola ekhatywayo kufutshane.
Oku kudizwe ngu-Alfred Mtsi ongusodolophu kamasipala ombaxa iBuffalo City, ekunye noLukhanyo Mzinzi umlawuli weChippa United, ngethuba bethetha noonondaba eBuffalo City Stadium izolo.
Emva kweeveki eziliqela kuthenjiswa ngokuziswa kwemidlalo eMonti yiChippa United – ngoku loo nto ide yayinyaniso kwaye iqala kule mpela veki.
IiChilli-Boyz zidlala umdlalo wokuqala eBuffalo Stadium ne-Ajax Cape Town kule sizini, kumdlalo we-Absa Premier Soccer League ozakube ungeCawe ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga.
Ukuziswa kwemidlalo kufutshane ebantwini kwiindawo ezifana neMonti – eyona dolophi ikufutshane kakhulu kwiindawo ezifana neGcuwa, iNgqamakhwe noMthatha ezaziwa kakhulu ngokuxhasa ibhola ekhatywayo, yinto ebikade inqwenelwa ngusihlalo weChippa United.
Usodolophu uthe bazive bengenakuliphosa ithuba abalinikwa yiChippa lokusingatha imidlalo. “Ibhola yinto ethandwayo jikelele kwilizwe lonke, siyavuya ke ukubambisana neChiefs kulo msebezi, kwaye sizakuthi sabelane ngeendleko,” utshilo uMtsi.
“Siyabacela abantu ukuba baze ngobuninzi kule midlalo,” uqhube watsho uMtsi.
Mihlanu imidlalo yeChippa eza kudlalwa kweli bala kule sizini. “Sincwase ukudlalela apha ukusukela ngoku ukuya phambili. Usihlalo wethu ufuna ukusondeza imidlalo kwindawo awazalelwa kuyo, anike nethemba kulutsha olusakhulayo,” utshilo uMzinzi. UMzinzi uthe bonelisekile ngumgangatho webala, futhi baqeshe uchwephesha ozakuthi alungise ibala rhoqo. Umdlalo weChippa ne-Orlando Pirates nawo ungadlalelwa kweli bala.
Ukwakha iqela kuthatha ixesha elide, utsho uBobby Motaung