IBulldogs ifuna ukuyiphumelela iCurrie Cup

Ingqonyela yeBorder Bulldogs, uDumisani Mani, uthi iqela lakhe liza kulwela ukuyiphumelela iCurrie Cup.

Uvumile ke kambe ukuba beliqela babaphoxile abalandeli ngokungenzi kakuhle kwiSuperSport Challenge. UMani uthi bazokwenza konke okusemandleni wabo ukuze bayiphumelele iCurrie Cup.

“Basixhasile kakhulu abalandeli bombhoxo – kodwa sibaphoxile. Siyayixolisela lo nto futhi siyathembisa ukuba siza kwenza konke okusemandleni kwiCurrie Cup,” utshilo uMani.

UMani ukholelwa kwelokuba iCurrie Cup iza kufika abadlali beBulldogs beyilindele emva kokubetheka kwiSuperSport Challenge.

“Bebeyilungele iSuperSport Challenge abadlali bethu, sibethwe kukuba bebengayilungelanga ngokwasengqondweni. Iza kufika siqule saligangatha yona iCurrie Cup. Kwitumente edlulileyo, sisebenzise kakhulu abadlali bamaqela eBorder. Asikho isizathu esiza kubangela singabasebenzisi kule tumente,” utshilo uMani.

Umqeqeshi weBulldogs, uTiger Mangweni, uyavumelana noMani kwelithi bazimisele ukuphumelela.

“ISupersport Challenge isibonisile izinto ezifuna ukulungiswa kubadlali bethu. Simanxadanxada silungisa ezo mpazamo ngoku. Iza kufika siyilindele iCurrie Cup. Sifuna ukuyiphumelela kulo nyaka,” utshilo uMangweni.

UKapteni weBulldogs, uBilly Dutton, uthi iinjongo zabo kukuba ziintshatsheli zeCurrie Cup. “Onke amaqela angenela ukhuphiswano afuna ukuphumelela, nathi sinalomnqweno,” utsho uDutton.

OkaDutton uthi ukuba abayiphumeleli baza kuzama ukulwela nokuba yindawo kwimidlalo eyandulela amagqibela kankqoyi.

IBulldogs ziza kuqubisana neValke kumdlalo wabo wokuvula iCurrie Cup ngomhla wamashumi amabini anesine kweyeThupha eBuffalo City Stadium.