Ibuya inochatha iEastern Cape Super 14 eyandisiweyo!

Amaqela alishumi elinesithandathu ombhoxo aza kuqala isiqendu esitsha semidlalo yetumente ekhulayo ekuthiwa yiEastern Cape Super 14. Oku kulandela ukuphehlelwa kwayo lisebe lezemidlalo eMpuma Koloni emsithweni obuzinyaswe ziinkokeli zemibutho nabadlali bombhoxo eGqeberha kwiveki ephelileyo. Zimbini izinto eziza kuyenza imidlalo yeSuper 14 ibe nochatha kulo nyaka: yimali etyalwe lisebe lezemidlalo namaqela amabini amatsha asuka ngaphandle kweMpuma Koloni afune ukuba yinxalenye yetumente ngenxa yomgangatho wayo ophezulu. Amaqela ohlulwe kabini. Phantsi kukaGroup A kukho: iProgress, iPark Kruisfontein, iGardens, iNcerha Leopards, Old Selbomians, iMoonlight nayo iEast Rand United entsha.

Yena uGroup B: yiSwallows, EL Police, iYoung Leopards, iNtlaza Lions, iPE Harlequins, iJeffreys Bay, iKirkwood neCrusaders efikayo. Umbuzo: Ingaba likhona na iqela lombhoxo ela kuthatha ubunganga kwiProgress yaseKariega ethathe indebe kunyaka ophelileyo ingalahlekelwanga nangomnye umdlalo? Umlawuli oyintloko kwiSuper 14, uMnu. David Dobela, uthe itumente yalo unyaka iza kutaka iintlantsi ngaphezulu kuneminye iminyaka. “Isiqendu salo unyaka seSuper 14 siza kunika amaqela wethu ombhoxo ithuba lokuvavanya amandla wawo kwiindawo ezikude eMpuma Koloni.

Sekulithuba sizama ukunika abadlali bethu amathuba okuzibonakalisa. Ngoku siyayibona iyenzeka lo nto,” utshilo uDobela. Iqela eliphumeleleyo ekugqibeleni liza kugoduka nekhulu lamawaka eerandi emva kokuba isebe lezemidlalo lityale izigidi ezisibhozo zonke zeerandi kwiEastern Cape Super 14 yalo nyaka. “Iintshatsheli ziza kufumana iR100 000. Kodwa nalawo angaphumelelanga amaqela aya kufumana ngoba sizama ukukhuthaza onke amaqela athatha inxaxheba kule tumente,” utshilo uMphathiswa wezemidlalo, uNonceba Kontsiwe. Yonke imidlalo imidlalo yombhoxo iza kuqala ngaxeshanye ngoMgqibelo emalanga kwiindawo ezahlukeneyo.

Imidlalo yeSuper 14

Mgqibelo: Kirkwood vs George Crusaders @Sporting Ground, 15:30; Jeffreys Bay vs Swallows, 15:30; Ntlaza Lions vs Young Leopards @Ntlaza, 15:30; EL Police vs PE Harlequins @Police Park, 15:30; East Rand vs Progress @Reiger Park, 15:30; Gardens vs Ncerha Leopards @Derick Stadium, 15:30; Kruisfontein vs Moonlight @Sports Complex, 15:30; Park vs Old Selbomians @Rugby Klub, 15:30