Ibuye inochatha iAbsa Run Your City eqala eGqeberha!

Asifikanga sigalelekile isiqendu esitsha seAbsa Run Your City! Iimbaleki eziphuma kwiidolophi zeMpuma Koloni nangaphaya kwemida yayo, ziza kuvana amandla kukhuphiswano olujongwe ngamehlo abomvu kwiveki ezayo, umhla wesibini kuTshazimpuzi. Abaququzeleli bayo iAbsa Run Your City bathi kulo unyaka, umdyarho wabo weembaleki uza kuba seGqeberha, eKapa, eThekwini, ePitoli naseGoli. Ngaphambili, iAbsa Run Your City ibikwiidolophi ezintathu, ngoku iya kwezintlanu. Abaququzeleli bamema zonke iimbaleki ezinomdla, abantu abahambayo nabanenjongo yokulungisa imizimba nempilo yabo – ukuba bathathe inxaxheba kwisiqendu sokuqala kulo nyaka esiza kube siseGqeberha kwiveki ezayo ngeCawe esiza kube singumgama olishumi leekhilomitha (10km).

Noxa ingengomgama omde kangako – kodwa ngumdyarho obalulekileyo ngoba uza kunceda iimbaleki ezifana noMelikhaya Frans – olungiselela ukuthatha inxaxhebi emdyarhweni omkhulu ekuthiwa yiBoston Marathon, eMelika. Phakathi kwezinye iimbaleki ezaziwayo eziza kuthatha inxaxheba emdyarhweni oseGqeberha ngamadoda afana noPrecious Mashele noStephen Mokoka. Umseki weAbsa Run Your City okwangumlawuli weStillwater Sports, uMnu. Michael Meyer, uvakalise uvuyo olukhulu ngoba itumente yakhe iza kunika ithuba lokuziveza iimbaleki ezininzi kunangaphambili. “Kuya sonwabisa kakhulu ukukhula kweAbsa Run Your City. Ukuya kwayo kwiidolophi ezintlanu kuza kunika ithuba elihle lokuziqaqambisa ezinye iimbaleki kwitumente esemgangathweni ophezulu,” utshilo uMeyer kutshanje.

Ukuya kwayo kwiidolophi ezintlanu kuza kunika ithuba elihle lokuziqaqambisa ezinye iimbaleki kwitumente esemgangathweni ophezulu. “Njengokuba siqala eGqeberha, sibulela iEastern Province Athletics (EPA) ngokusamkela ngobubele. Sifuna ukuqinisekisa ukuba uMelikhaya Frans uza kube ebaleka ngomhla wesibini kwinyanga ezayo. Emva kweGqeberha, sinethemba lokwenza umsebenzi omhle naseGoli,” utshilo uMeyer. Iimbaleki ezibambe iindawo zokuqala (amanene namanenekazi) ziza kufumana amashumi amathathu amawaka erandi (R30 000), endaweni yesibini ziza kufumana amashumi amabini anesihlanu amawaka erandi (R25 000) kweyesithathu iza kufumana amashumi amabini amawaka erandi (R20 000). Umphathi ka’Absa kwiphondo leMpuma Koloni, uPholushi Malesa, uthe ngabaxhasi bomdyarho ngoba ukusondela ebantwini bokuhlala.