Akusekho nto enokuyenza iCanada ukuze ihlale kwiFifa World Cup emva kokubethelwa oogqirha nezicaka emdlalweni wanamhlanje. Emva kokugqwidiza emzuzwini wokuqala kwisigaba sokuqala, iCroatia ibuye inomsindo yazingombela iCanada ngamagowuli amane kwelinye emdlalweni obutak’iintlantsi eKhalifa International Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Ibhakuzelise umnatha iCanada zisuka emdlalweni ngebhola efakwe ngentloko sisiququ senxele, uAlphonso Davies, emzuzwini wokuqala. Lilo kuphela ithuba elifumeneyo nelisebenzisileyo iCanada kwisigaba sokuqala. Okwakuyixolisa kwitumente yehlabathi yalo nyaka kukuba ide yalifumana igowuli.
Yathembisa emdlalweni wokuqala – kodwa yabethwa ngo’1-0 yiBelgium. Emva kwetuba bexhathisile abadlali beCanada kwisigaba sokuqala, iCroatia iye kwixesha lokuphumla ihamba phambili ngamagowuli amabini afakwe nguAldrej Kramaric noMarko Livaja. Omabini amagowuli afakwe yiCroatia, eze ngenxa yeempazamo ezenziwe bgabadlali basemva beCanada. Kwisigaba sesibini iCroatia ivele yacaca ukuba idlala ngabadlali abakuqhelileyo ukudlala iitumente ezinkulu. Bayophule umoya iCanada ebingxamile ngokuyivimba amathuba nokufaka amagowuli kuyo. Umqeqeshi weCanada ufake uJohnathan Osoria endaweni Cyle Larin.
Yena u-Ismael Kone wangena kwekaStephen Eustaquio ekuqaleni kwesigaba sesibini. Bazamile ukudlala umdlalo wabo besebenzisa amendu abadlali beCanada – kodwa akukho nto abayenzileyo kwiCoatia ebiseyivale onke amazibuko. Ufake igowuli lesibini uKramaric emzuzwini wamashumi asixhenxe. Besekubonaka kodwa ukuba iCroatia iwuthathile umdlalo ewuqale ihexa. Isikhonkwane sokugqibela sebhokisi yeCanada sibethelelwe nguLovro Majer ngomzuzu wamashumi alithoba. Ngoku iCroatia ihleli phezulu kuGroup F, ilandelwa yiMorocco ebethe iBelgium ngamagowuli amabini emdlalweni obusemalanga namhlanje. Kwindawo yesithathu, iBelgium inamanqaku amathathu – kodwa iCanada akanibanto yona.
Imvumi yaseNgqeleni ibuye neembasa ezimbini kwiiMAMAs!