Ibuye nodumo iBlitzboks, eSydney!

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika elidlala umbhoxo lizenzele udumo kwakhona. Oku kuza emva kokuba iBlitzboks zinkule kanobom iNgilane ngo’29-14 kumdlalo wamagqibela kankqoyi weWorld Sevens Series obubanjelwe kwisixeko esikhulu saseNew Zealand esibizwa ngokuba yiSydney izolo.

Kulo mdlalo uMzantsi Afrika ufumene ithuba elihle kakhulu lokuziphindezela emva kokuba wathi wabethwa yiNgilane le ngo’21-15 ngosuku lokuqala kule tumente nasemva kokubethwa kumdlalo obuseKapa kutshanje.

Eli qela loMzantsi Afrika beliqhube kakuhle kakhulu nakwiveki epheleliyo ngethuba libetha iFiji.

Njengesiqhelo isiqalo seSpringbok Sevens sibe sihle, siwuqale ngokuhlasela emdlalweni. Isiqingatha sokuqala siphele uMzantsi Afrika uphala phambili ngo’19-0 emva kokuba uPhilip Snyman, uSeabelo Senatla noJustine Geduld belele emgceni amatyeli aliqela. Kwisigaba sesibini bathathe apho bebeyeke khona abadlali boMzantsi Afrika, nayo iNgilane izamile ukusukela noxa ingakwazanga ukufikelela kumanqaku afakwe nguMzantsi Afrika.

Abalele emgceni ngaba:

Blitzboks: Philip Snyman, Seabelo Senatla, Justin Geduld (2), Stephan Dippenaar. Conversions: Branco du Preez (2)

England: Tom Mitchell, Dan Norton. Conversions: Mitchell (2).