Ibuye nomnqongo iPirates ebambene neStellenbosch ebaleni layo

UNathan Sinkala weStellenbosch FC no-Abel Mabaso we-Orlando Pirates besilwela ibhola emdlalweni weDStv Premiership namhlanje eDanie Craven Stadium. Umfanekiso: © Shaun Roy/BackpagePix

Akusekho thuba enalo ngoku i-Orlando Pirates lokufumana iMamelodi Sundowns edinga amanqaku amathathu iphumelele indebe. Kodwa emva kokuba ibambene neStellenbosch ngeqanda emdlalweni weDStv Premiership obuseDanie Craven Stadium, iPirates iza kusokola kwa ukufumana indawo yesithathu. Lo nto ithethe ukuthi isecicini lokuphoswa lithuba lokuphindela kwimidlalo yeCAF. Umdlalo ububambene macala omabini, lo nto yenze kwanzima kakhulu ukuvela kwamathuba emdlalweni.

Unozinti weStellies, u-Ashley Du Preez, uxhimfe ibhola ebibekwe phantsi emva kwempazamo ebiyenziwe nguJayden Adams emizuzwini yokuqala emdlalweni. Emva kwexesha elingephi umdlalo uqhubeka, iPirates iwuthathele kuyo umdlalo nangona kube nzima ukufumana igowuli sade saphela isigaba sokuqala somdlalo. Ibuyele emdlalweni iStellenbosch kwaye inkqonkqoze amatyeli aliqela ezipalini zikaWayne Sandilands.

Ukufakwa kukaFurtune Makaringe, uBen Motshwari noVincent Pule kuye kwawufunqula umdlalo weBucs – kodwa nalapho akubangakho mathuba acacileyo ncam ekwazileyo ukuwafumana. Inqaku elufunyenwe yiStellenbosch liza kuyikhuthaza njengokuba isilwela ukuphepha izembe. Nangona ingekude kangako kwamanye amaqela ajingelwa lizembe – kodwa isenalo ithuba lokuphefumla kwindawo yeshumi elinambini.

Stellenbosch: Langeveldt, Macheke, Mthethwa, Van Heerden, Van Rooyen, Scott, Mendieta, Sinkala, Du Preeze, Adams, Dimgba

Amalalela: Stephens, Mbekile, Robertson, Skelem, De Goede, Jabaar, Msengi, Bergman, Brenner.

Orlando Pirates: Sandilands, Hlatshwayo, Maela, Jooste, Mako, Mabaso, Ndlovu, Zungu, Dlamini, Hotto, Mhango.

Amalalela: Sithole, Monyame, Nyauza, Motshwari, Pule, Mntambo, Makaringe, Muwowo, Makgaka.