Ibuyela eMonti emva kwexesha elide iChippa United

Igwetyiwe indlala eMonti emva kwexesha elide ingasasingathi imidlalo yePSL. Kwisithuba seminyaka emibini egqithileyo, iPremier Soccer League yayekisa ukudlala kweChippa United kwibala ekuthiwa yiSisa Dukashe Stadium, eMdantsane, ngenxa yomgangatho walo ophantsi kakhulu.

Ngoku izinto ziguqukile, iChippa United iza kudlalela eBuffalo City Stadium kwakhona emva kokulungiswa kwayo ukusukela kunyaka ophelileyo. Oku kuza kwenzeka emva kokuba uProf. Ronald Schloss wePSL epasise ukusetyenziswa kwakhona kweBuffalo City Stadium.

Ekuqaleni kwesizini ka2015/16, iChippa yakhe yadlalela imidlalo yayo embalwa eBuffalo Stadium ehlaziyiweyo – kodwa yayeka ngenxa yeengxaki. Kunyaka ongaphaya kophelileyo, uMnu. Siviwe Mpengesi, wenza isivumelwano neBuffalo City Metro Municipality esamnika ilungelo lokungisa amabala waseMonti amabini (Buffalo Stadium neJan Smarts Stadium) ukuze enze inzuzo ngawo. Emva kokunikwa iindaba ezimnandi, uMpengesi uthe iChippa iza kudlala umdlalo wayo wokuqala kule nyanga yoMnga.

“Kuluvuyo kum ukwazisa ukuba iBuffalo City Stadium ipasisiwe yiPSL njengebala ekungadlalelwa kulo kwakhona emva kweminyaka esixhenxe yayekiswayo. Le yinto ebaluleke ngaphezulu kokubuyela kwebhola ekhatywayo eMonti ngoba ibala liza kusetyenziswa nayeminye imidlalo equka umbhoxo,” utshilo uMpengesi echulumancile.

“Siza kuvula elinye ikhaya lethu elitsha ngomdlalo ophakathi kweChippa United nePolokwane City ngomhla wamashumi amabini anesithathu. Simema bonke abathandi bemidlalo ukuba babe nathi ngomhla omkhulu.

Sibulela kakhulu uProf. Ronald Schloss osincedisile ukuze kupase iBuffalo Stadium. Ukusukela ngoku, ibalanga lingayisingatha imidlalo yasemini. Sizama ukufaka izibane ukuze sikwazi ukusingatha imidlalo esebusuku.

Ndivuya kakhulu futhi siyabathembisa abantu ukuba siza kuhlala siliqela laseMpuma Koloni elizingcayo,” uvale ngaloo mazwi uMpengesi. Nakubeni kungekho midlalo ngempelaveki – kodwa iChippa iza kuya emdlalweni olandelayo ikhuthazekile emva kokuba ibethe iGolden Arrows ngo’2-0 emdlalweni ogqithileyo.