Ibuyela kwiCaf Champs League iSundowns

Ixesha lokuphumla labadlali beMamelodi Sundowns kulindeleke libe lifutshane emva kweendaba ezibhengezwe yiCaf izolo ezithi ezi ntshatsheli ze-Absa Premier Soccer League zibuyela kwimidlalo yeChampions League kwakhona.

ISundowns lelinye lamaqela amane ebemele uMzantsi Afrika kwimidlalo yeCaf ekuqaleni kwalo nyaka, kodwa ngelishwa onke aphuma kwangoko.

Yona iDowns ikhutshwe kutshanje liqela laseDemocratic Republic of Congo, i-AS Vita. KwiConfederation Cup edlale kuyo iSundowns emva kokuba ikhutshiwe kwiChamps League, ikhutshiwe nakuyo liqela laseGhana kwiveki ephelileyo.

Isizathu esibangele iMamelodi Sundowns ibuyiselwe kule midlalo kukuba i-AS Vita Club ifunyenwe inetyala lokudlalisa umdlali ongabhaliswanga ngokupheleleyo kwiCaf. Ngoku iiBrazillians zifumana ithuba lesithathu emva kokuthelekiswa namaqela ayingozi kule midlalo, iZamalek yaseYiphutha ne-Enyimba yaseNigeria. Ilamkele ngezandla ezishushu eli thuba linqabileyo iSundowns.

Amava ewafumene kwimdlalo edlulileyo kulindeleke iwancede xa idlala kwesi sigaba sinzima seChampions League.

CAF Champions League:

Group A:

Zesco (Zambia), Al Ahly (Egypt), Asec Mimosas (Ivory Coast), WAC (Morocco)

Group B:

Enyimba (Nigeria), Zamalek (Egypt), ES Setif (Algeria), Mamelodi Sundowns (South Africa)