Ibuyile imbasa yegolide kaChad le Clos!

Chad le Clos of South Africa is on his way to win the men's 200m Butterfly final during the 17th FINA Swimming World Championships in the Duna Arena in Budapest, Hungary, 26 July 2017. EPA/PATRICK B. KRAEMER

Iindadi zoMzantsi Afrika zilibeke endaweni entle kwakhona ilizwe lazo emva kokuqhuba kakuhle kwazo kwiWorld Championships izolo eDuna Arena, eBudapest. UChad le Clos, owaphulukana nembasa yakhe yegolide kunyaka ophelileyo, uyibuyisile izolo emva kokubamba indawo yokuqala. Le ndedeba ishiye kwi-200m Butterfly abafana baseHungary – ezona ndadi ebekujongwe kuzo kolu gqatso. Phambi kogqatso ababukeli bebekhwaza igama lendadi egama linguLaszlo Cseh – kodwa ngethamsanqa uLe Clos ukwazile ukubavala umlomo.

UCseh ubambe indawo yesibini emva kokudada ixesha eliyimizuzwana (seconds) engaphantsi komzuzu. Indawo yesithathu uthathwe nguMjapan ogama linguDaiya Seto. Emva kokungaqali kakuhle kwakhe uLe Clos kule tumente, izolo uqinisekise ukuba uyayilungisa lo nto kwaye wonwabile kakhulu. “Ibilugqatso oluye ndavakalelwa kulo kakhulu, phambi kwalo nasemva kwalo. Ndinwatyiswa kakhulu kukuphuma phambili nokubuyisa imbasa endaphulukana nayo kunyaka ophelileyo,” utshilo uLe Clos.

UCseh ukwamkele ukushiywa kwakhe nguChad watsho esithi indawo yesibini ibimfanele. “Ndiyayamkela indawo yesibini kwaye nexesha endilenzileyo lihle kakhulu kumntu ofumene imbasa yesilivere. Kuhle kakhulu, ayonto engaqhelekanga ukubethwa nguChad ngoba ngumpetha wehlabathi ekudadeni,” utshilo uCseh.

Pedro Mapelo's photo.

Adam Peaty (L) of Britain celebrates next to third placed Cameron Van Der Burgh (R) of South Africa after winning the men’s 50m Breaststroke final during the 17th FINA Swimming World Championships in the Duna Arena in Budapest, Hungary, 26 July 2017. EPA/TAMAS KOVACS HUNGARY OUT

Khange kuphelele apho ngoba enye indadi yeli lizwe ubuye nembasa yebronze emva kokubamba indawo yesithathu. UCameron van der Burgh, enye yeendadi uMzantsi Afrika othembela kuzo xa kusiyiwa kwiitumente zehalabathi, uqhube kakuhle kwi50m. Ushiywe ngu-Adam Peaty waseNgilane okwayintshatsheli ye-100m. UJoao Gomes waseBrazil uthathe imbasa yesilivere emva kokubamba indawo yesibini.