Ibuyile iShell Helix Ultra Cup!

UVina Maphosa weKaizer Chiefs noAlex Shakoane weMamelodi Sundowns ngethuba bethetha neentatheli ngomdlalo weShell Helix Ultra Cup. Umfanekiso: Uthunyelwe

Kukho ukugxeleshana ngezikhondo zamehlo phakathi kweKaizer Chiefs neMamelodi Sundowns emva kweentetha ezenziwe nguPitso Mosimane kutshanje.

Emva kokuba iqela lakhe libethe iBlack Leopards ngo’2-1, uMosimane uye wagxeka usompempe ongayinikanga iSundowns ipenela.

Emva koko uthe kungakuhle ukuba iqela lakhe lingaxhamla nalo kwiimpazamo ezenziwa ngoosompempe ngoba yiChiefs kuphela exhamlayo.

Umanejala weChiefs, uBobby Motaung, uyikhalimele intetho kaPitso.

Njengokuba iChiefs neSundowns ziza kudibana emdlalweni weShell Helix Ultra Cup ngentsimbi yesithathu eFNB Stadium ngoMgqibelo – kulindeleke kutak’iintlantsi ngenxa yezinto ezininzi.

Itumente kaShell esungulwe kunyaka ophelileyo iyabuya kwakhona kulo nyaka emva kokuphunyelelwa yiSundowns ngo’2-1 emlenzeni wokuqala.

Abaqeqeshi bamaqela omabini baza kusebenzisa abadlali ngobukhulu ubulumko ngoba bagxeleshe umdlalo wamaqela wabo okulindeleke udlalwe phambi kokuphela kwale nyanga.

Amakhosi ahleli phezulu kwiPSL – kanti yona iSundowns ilandela ngasemva futhi isenemidlalo esandleni.

Umdlalo wangempelaveki uza kunika abadlali abaninzi ithuba lokudlala. Kodwa nangona kunjalo, lo nto ngeke isuse ubutshaba phakathi kwala maqela makhulu.

Ekuqaleni kwale veki, uVina Maphosa weChiefs noAlex Shakoane, bathembise abantu baseMzantsi Afrika ngomdlalo osezingeni eliphezulu ngethuba bethetha neentatheli kwintlanganiso ebiseGoli.

“Siya nabadlali bethu bonke kwiHelix Ultra Cup kwaye asinalo ixhala labadlali abonzakeleyo.

IChiefs iyakuvuyela ukudlala kwindebe enje ngale kwaye izimisele ukusebenzisa umdlalo wempelaveki ukuze igcine abadlali bayo belungele ukudlala.

Abadlali bayakuthakazelela ukudlala neSundowns futhi lo mdlalo uza kubonwabisa abalandeli,” utshilo uMaphosa.

Yena uShakoane uthe iqela lakhe ngeke loyikiswe kukuqhuba kakuhle kweChiefs kwisizini ka-2019/20.

Wongeze ngelithi Amasandawana akoyiki naliphi na iqela eliza kuwo.

“Asiyihoyanga into eyenziwa yiChiefs. Into esiza kugxila kuyo ngumsebenzi wethu qha.

Ukungabikho kwabanye abadlali akusikhathazi ngoba sinabadlali abakulungeleyo ukwenza umsebenzi,” utshilo uShakoane.

Nangona ingqonyela yeStadium Management SA, uBertie Grobbelaar ithe amalungiselelo ahamba kakuhle kodwa bekusekho inkxalabo kwicala lokuthengwa kwamatikiti omdlalo ngoba inani elithengiweyo belisephantsi.