Ibuyile kwakhona iHeroes Marathon!

Umongameli we-ASA (Athletics South Africa) uJames Moloi, uPemmy Majodina umphathiswa wezemidlalo, ezobugcisa nenkcubeko kunye noLungisile Molwana umongameli we-Athletics Transkei (ATRA), kwindibano ebimalunga neHeroes Marathon 2016/17, eMonti

Omnye wemidyarho emikhulu kweli phondo leMpuma Koloni, iHeroes Marathon, uyabuya kwakhona ngomhla wesine kwinyanga ezayo eMthatha.

Esi sisiqendu seshumi elinesixhenxe salo mdyarho. Kulindeleke ukuba utsale amakhulu eembaleki zalapha eMpuma Koloni, kwamanye amaphondo kwanamazwe akwizwekazi le-Afrika.

Umbutho olawula iimbaleki eMzantsi Afrika, i-ASA, izingomba isifuna ngalo mdyarho kwaye iimbaleki ezizakuthatha inxaxheba kulo mdyarho ziyakwazi ukufumana ithuba lokungena kweminye imidyarho engaphezulu kulo.

Umphathiswa weZemidlalo neNkcubekho eMpuma Koloni, uPemmy Mjodina, uvakalise uchulumanco ngenkqubela eyenziwe kwicala lamalungiselelo ngalo mdyarho ukusukela ngo-2006.

“Njengephondo leengqwele, sizimisele ukuqinisekisa ukuba lo mdyarho uyakhula kwaye ubanefuthe kwiphondo lonke,” utshilo uMajodina.

Imali ezakunikwa iimbaleki yehlile kulo nyaka ngenxa yeminye imiceli mngeni ejongene nesebe likaMajodina.

Imali ebekelwe bucala yiR1.2-million. Iimbaleki eziphume phambili (indoda nowasetyhini) kwi-42.2 km zizakuzuza iR50 000 endaweni yeR90 000 ezuzwe nguNtsindiso Mphakathi kunyaka ophelileyo.

Abaphumelele kwi-10km bazakufumana iR8.000. Lo mdyarho uzakuqala eMthatha Airport ngo’06:00 ekuseni uyophela eQunu – ilali kabawo uNelson Rholihlahla Mandela.

Amaxwebhu okungenela ayafumaneka kwezi ndawo: Total Sports, Studio 88 (eMonti), Mthatha Health Club nakuzo zonke ii-ofisi zesebe lemidlalo.

pedro.mapelo@inl.co.za