Ibuyisa isidima samanqindi iXaba Promotions

IXaba Promotions iza kusingatha itumente yayo yokuvala unyaka ngomhla wesixhenxe kweyoMnga. Itumente iza kubanemilo emithandathu, emihlanu iza kuba yeyentshinga.

Iza kulandelwa ngumdyarho weembaleki oziikhilomitha ezilishumi oza kubanjelwa eSisa Dukashe Stadium ekuseni ngomhla wesithoba.

Ngokuhlwa kwangalo mhla, iindlela ziza kube zisingise eOsner Hotel – apho iXaba isingatha khona umsitho wokuwonga iimbethi manqindi zayo.

Umphathi weXPE, uAyanda Matiti, uthe bazimisele ukubuyisa isidima samanqindi ngokuthi bawonge amagqala kumsitho wamanqindi.

“Emva kwetumente yethu yokuvala unyaka, siza kuba nomsitho wokuwonga iimbethimanqindi zethu. Ngunyaka wethu wesibini sinalo msitho; kweli ityeli sigqibe kwelokuba siwonge amagqala ayesakuba ziintshatsheli zehlabathi,” utshilo uMatiti.

OkaMatiti uthe baza kuwonga ezi mbethimanqindi zilandelayo: UVuyani Bungu, uThulani ‘Sugarboy’ Malinga, uWelcome Ncita, uBrian Mitchel, uMbulelo Botile, noDingaan Thobela.

Iimbethimanqindi eziza kuxikixana ngomhla wesixhenxe ziquka intshatsheli yeWBC International uYanga Sigqibo nentshinga yeWBO Intercontinental, uKevin Lara waseNicaragua kudidi lweJunior bantamweight.

Intshatsheli yeWBA Intercontinental * -Ulises Lara waseMexico iza kubeka intshinga yayo esichengeni xa idibana nenzalelwane yaseMthatha ezinze eGauteng – uAthenkosi Dumezweni.

USiseko Makeleni waseMthatha uza kuzama intshinga yeWBO Intercontinental kudidi lweJunior Welterweight xa edibana noMarius Matima waseDRC ozinze eKapa.

UNkosinathi Joyi waseMdantsane uza kuxhimfana noMpo Seforo, bona bahluthana ngentshinga yeWBO Africa engenamntu kudidi lwejunior flyweight. UBonga Silili uza kudibana noNhlanhla Tyirha ongekoyiswa njengembethimanqindi ehlawulwayo kwidabi lakwa7 eMdantsane.

UNhlanhla Ngamntwini waseZiphunzane angquzulane noMfundo Gwayana kumlo onemijikelo emithandathu.

isibhalo@inl.co.za