Icacisa ukungabikho kwabadlali emngcwabeni i-Ajax

Ngokwesithethe sabantu abamnyama okanye ngokwesintu, akuthethwa kakhulu ngomntu oswelekileyo, kuthi ke ubani xa enze njalo, athelwe nqa ngabantu. Enye yezinto ezibaluleke kakhulu ebantwini abamnyama kukuzila; imbeko enikwa ikhaya elehlelwe lilishwa kunye nomntu lowo ubhubhileyo. Kunzima ukuthi cwaka emva kwento engaqhelekanga eyenziwe yi-Ajax Cape Town, ngeCawa.

Ngomhla wesibhozo kubekwe kwikhaya lokugqibela uSonwabile Cecil Lolo, umdlali weqela elikhulu laseKapa, i-Ajax Cape Town, elidlala kwinqanaba eliphezulu kwibhola yeli loMzantsi Afrika, kodwa uninzi luzibuze imibuzo xa kuqala inkonzo kaLolo kungekho nomnye umntu osuka kwi-Ajax.

Lo nto ivuselele umnyele unkosazana Pemmy Majodina, umphathiswa wezemidlalo nolonwabo kweli phondo leMpuma Koloni. Umphathiswa ukuchaze ukungabonakali kweqela ebelidlalelwa nguLolo njengendelelo ehamba nokungakhathali.

Kuthe emva kweeyure ezimbini umngcwabo uqalile wagaleleka * -Aric Efstathiou [ingqonyela ye-Ajax Cape Town] ehamba noRoger De Sa [umqeqeshi kaLolo], bakuvuyela ubukho babo abantu kodwa bothukile xa bexelelwa ukuba la madoda [Aric noRoger] awananjongo zakuthetha ngalo mdlali.

Leyo into ishiye wonke umntu ezibuza ukuba inoba bebezothini xa bengazuphosa nelizwi elinye ngomdlali wabo obebalulekile. Enye yezinto ebiqala ukwenzeka kwinqanaba eliphezulu ebholeni kukungabikho nomnye koogxa bakaCecil ebedlala nabo ibhola ekhatywayo. Bambi bathe isigqibo seli qela laseKapa sibonisa intlonipho ezingenayo izikhulu zalo kubantu abamnyama. Lo mdlali uncede i-Ajax kutsha nje ngethuba iphumelela izigidi ezisibhozo nendebe yeMTN 8 apha eBhayi, kodwa iqela lakhe okanye abantu ebehlala nabo bakhethe ukungathethi nabantu bendawo kaLolo kunye nezihlobo zakhe. Ingcaciso enikwe I’solezwe ngomnye wabaphathi beli qela, uJulian Bailey, uthe khange bafumane ndlela yokuya eChebe kwangethuba, enye into baxelelwe ukuba kunzima ukuhamba ngebhasi kwindlela eya phaya.

Kodwa ke kwelinye icala bacinge ukuba iinkonzo zokukhumbula ezimbini abazihlawuleleyo nomngcwabo abafake isandla kuwo, bacinga ukuba bakhawulelene nento edibene nokufihlwa kwakhe. “Sizibhatalele iindleko zesikhumbuzo somdlali kunye nomngcwabo, ngoku silungiselela ukuseka ingxowa-mali eza kujongana nabantwana bakhe uCecil Lolo,” utshilo uBailey.

Amalungu eqela lasekuhlaleni, i-All Stars, akhule elidlalela phambi kokuba aye eKapa lithethe kamnandi ngalo mdlali nangothando lwakhe lebhola. “USonwabile ebewenza umehluko xa efikile apha elalini. Bekubamnandi ngeyona ndlela ngoba ebengenayo la nto yokuthi yena udlala kwizinga eliphezulu ngoko akanokwazi ukwenza la nto ebeyenza esakhula nathi. Ebengenguye tu umntu ozithandayo, ibingumntu ongathethi kakhulu ekukhuleni kwakhe, kodwa ebethanda kakhulu abantu,” utshilo uLandile Soga, umqeqeshi weli qela lasekuhlaleni.

Enye yamadoda emfundise ibhola ngethuba esakhula elalini imchaze njengomntu obeyithanda ibhola ekhatywayo. “Ukhulele apha kum nomkhuluwa wakhe. Sasiqokelela iiplasitiki sizenze ibhola yokudlala. Ukudlala ibhola ekhatywayo ukufundele apha kuthi kwaye ndingatsho ukuba ibhola yinto ebeyithanda kakhulu,” utshilo uMpendulo Jamda.

UKhwezi Feni, umhlobo kaCecil ebehlala ndawonye naye eKhayelitsha uthe ebengumntu obethandwa ngabantu kwaye ebebonwabisa abantu. “Ebenenkani, kodwa ingumntu onalo uxolo. Ibhola uyithande esemncinci kakhulu kwaye sidlalile sobabini kwi-African Tribes yaseKhayelitsha.

Umnumzana uMalawana Mfiki, umqeqeshi we-African Tribes yaseKapa, udize ukuba nguye owavulela indlela eli tyendyana lomfana ngokuthi alifundise ibhola.

“Ndadibana naye esemncinci kakhulu, engumdlali owomeleleyo noyithandayo ibhola. Ebesoloko edlaliswa nabantu abadala kunaye ngoba ebenamandla angumangaliso. Saqatshelwa isakhono sakhe nangamaqela amakhulu wseRhawutini afana neSundowns ngethuba edlala kwitumente ebizwa ngokuba yiBayhill. Sagqiba kwelokuba azibandakanye ne-Ajax Cape Town kuba ibanika ithuba abadlali abasakhulayo,” uMfiki, ozinze eKapa.

Umngcwabo wale ndedeba yaseChebe ubuzinyaswe bubukho bommeli wakhe ogama linguGrant Nieuwenhuys [GN Sports Agancy]. Kwincoko neli phepha-ndaba labantu, I’solezwe lesiXhosa, uGrant uthe: “Isizwe sonke silahlekelwe, bekuxa kanye eqala ukuduma ebholeni. Lo mfana ngumdlali wam wokuqala kule arhente [Agency], bendimthanda ngokunyaniseka. Ndakumkhumbula ngoncumo lwakhe, ebengumntu wabantu, nangoku kugcwele abantu apha ngenxa yalo nto,”

Umqeqeshi we-Ajax Cape Town, uRoger De Sa, uthe uyakuhlala ehleli ezingqondweni zabo kwaye babekele bucala inombolo yesikipha sakhe (21) njengophawu lokumnika intlonipho ukuze bahlale bemkhumbula.

Umdlali weChippa United, itshomi kaCecil akhule nayo eKhayelitsha, uMark Mayambela uthe akazi nokuba athini ngoba lo ngumntu akhule naye futhi obesondele kuye kakhulu.

USonwabile wasutywa kukufa ekuseni ngomhla wamashumi amabini anesihlanu kwinyanga ephelileyo. Udlale indima ephambili kwimpumelelo ye-Ajax Cape Town kwiMTN 8 kutsha nje emva kokubetha iKaizer Chiefs. Ebesaqala nokuzenzela igama kwiqela lesizwe, iBafana Bafana.