iCameroon iyikrolonqe iEthiopia ngenduku emdlalweni wanamhlanje

Izikhotha amanxeba iEthiopia emva kokuba ikrolonqwe ngenduku yiCameroon ephumelele ngamagowuli amane kwelinye (4-1) emdlalweni obutaka iintlantsi ngorhatya lwanamhlanje. Umdlalo uqale ngesantya esiphezulu kwisigaba sokuqala. AmaTopiya abhakuzelise umnatha emzuzwini wesine ngebhola efakwe nguDawa Dukele ayinikelwe ngu-Amanuel Gebremichael. Kuye kwanyanzeleka ukuba iCamerool iphendule kwamsinyane. Emzuzwini wesithandathu, uKarl Toko-Ekambi ufake igowuli lokulinganisa ngentloko emva kwebhola entle egotywe nguCollins Fai esekunene. Khange ityhafe iEthiopia, iphinde yazama ukuhlasela – kodwa uAndre Onana ebethe qwa ezipalini zeCameroon.

Kwisigaba sesibini, iCameroon ibuye ilume ongezantsi. UToko-Ekambi ubhakuzelise umnatha kwakhona. Emva koko uVincent Aboubakar ufake igowuli lesithathu. Kudlule imizuzu emibini, uToko-Ekambi ufake elinye igowuli. Khange ikwazi kwaphela iEthiopia ukudlala ngendlela edlale ngaso isiqingatha sokuqala. Emdlalweni wokuvula iAfcon esingathwe yoyi, iCameroon ibethe iBurkina Faso ngamagowuli amabini kwelinye. Noxa emdlalweni wokuqala yayidikidiki – kodwa kowanamhlanje ibiqhathula. Ngokuphumelela kwayo namhlanje, iCameroon sele iyiqinisekisile indawo yayo kumjikelo wesibini we-Afcon.