Umzi wonke uyanxakama ngokungabikho nempunde emele eli kumdlalo wamanqindi kuMsitho wezizwe ngezizwe weOlimpiki walo nyaka obanjelwe kwelaseBrazil.
Ukutshintsha kwenqubo ebisetyenziswa ngumbutho we-Olimpiki yelizwe loMzantsi Afrika, iSASCOC, ebesikhe sawuphatha ngaphambili kungangunobangela, kodwa ayiyonto sakulala sitye yona leyo, kufuneka sihlahle indlela ukuze sibheke phambili.
Ndisoloko ndisithi uMzantsi Afrika unamaphondo alithoba, kodwa ayashiyana ngobunganga kulo mdlalo. Iphondo leMpuma Kapa alinakulinganiswa nawo onke ke kuba sisilili samanqindi kweli lizwe lonke esi ekufuneka sifukanyiwe.
Sonke siyazi ukuba oomabona kude, imizimveliso kunye namashishini amakhulu afuna umsebenzi osele ugqityiwe awanaxesha lokuba yinxalenye yokukhulisa imbethi-manqindi.
Bonke bafuna ukufaka imali kweli candelo lomdlalo labahlawulwayo. Ingaba ngubani ke omakajongane nabasakhulayo?
Nokuba iimeko zamanqindi zithini na, wonke umntu ujonga kweli phondo ekuziseni ingqaka kulo mdlalo. Kwii-Olimpiki zika-2012 eMangesini ibiziimbethi-manqindi ezimbini zeli phondo ebezimele isizwe. Imbasa ekuphela kwayo kwimidlalo yezizwe ezingamathanga ka-2014 ize nembethi-manqindi ephuma kweli phondo, kwiqela lesizwe ebeliye kukhuphiswano lwe- Afrika eCameroon kulo nyaka. Ziimbethi manqindi zeli phondo kuphela ezize nembasa ekuquka neGolide.
Uninzi laba badlali lufika lubeyindumasi kwiqonga labahlawulwayo. Abafana abanjengoAzinga Fuzile, Mbenge Thulani noSiphiwe Lusizi xa sibala nje abambalwa. Ziimbethi manqindi ezisukwe leli candelo kweli phondo leMpuma Koloni ke ezo. Onke ke la mavandakanya ndiwawisa kuba ndibona ukuba kunzima ukufumana amandla okusebenza kwicandelo elisuka le talente liphakamisa eli phondo kwihlabathi. Indlela ekuqhubeka ngayo kungaphela kunzima ukuzoba le ngxelo intle kangaka.
Umnconwana ozayo uya usihla kwaye awoneli ukuxhasa zonke iinkqubo zombutho olawula icandelo labangahlawulwayo. Oku kwenza ukuba kubekho uxinizelelo olubangela ukubhekabheka.
Ndithetha apha ke njengomntu osembizeni nophathiswe icandelo lezimali, ndiyazi ubunzima bokufuna inkxaso njengombutho ongenamathuba okuvela kumabonakude.
Inkxaso evela kurhulumente yiyo egcina isibane silonziza. Kubalulekile kule nkcaza ingentla urhulumente alume ongezantsi athi xhaxhe koko akukhuphayo. Ndiyazi ukuba inkxaso ayibekelwanga amanqindi kuphela kodwa ukuba singabuyela kwizindululo zenkomfa ka-2011 yezemidlalo eyayibanjelwe eMonti nalapho kwangenwa kabanzi ekuhlelweni kwemibutho yemidlalo.
Ezona nto ekwaviwana ngazo kukuba; kufuneka umdlao udlalwe kwiingingqi zonke zeli phondo, uze nembasa kumaqonga ehlabathi kwaye ubengumdlalo onobunkokheli nomgaqo-siseko ohamba neemo zelizwe. Zonke ezi zinto zibalwe ngentla amanqindi aziphumelela ngaphandle kwamathandabuzo. Ungumgodi wesizwe .
Umongo nomxholo woku kungentla mnye kuphela, makufakwe inkxaso ethe xhaxhe ngurhulumente kumdlalo wabangahlawulwayo, kuba ngokwenza njalo lo mdlalo uyakuhlala uphezulu kunganqabi mbethi-manqindi kwimidlalo yeOlimpiki. Ndisatshaya!!!!!!!!!!!!!!!!!!!
Kubanjwe abathathu ngezityholo zokuxhwila nokuqweqwedisa