
Iqela laseNtshona
Koloni, iCape Town City, ligoduke ligoqoza nenqaku elinye emva kokubambana
ngegowuli elinye macala (1-1) neMamelodi Sundowns emdlalweni we-Absa
Premiership obumhle eLucas Moripe Stadium namhlanje ebusuku. Omabini amaqela
aye emdlalweni efungele amanqaku apheleleyo – kodwa umdlalo ude waphela
engakwazanga ukongeza amagowuli ebhodini. AmaSandawana abhakuzelise umnatha
emzuzwini wesibhozo kwisigaba sokuqala somdlalo ngembumbulu yebhola ekhatywe
nguHlompho Kekana. Unozinti weCity, uPeter Leeuwenburgh, uve ngoyibaliselwa ibhola
entle efakwe nguKekana owazenzela igama ngokufaka iibhola ekude. Amaqela asukelene
emdlalweni yade yafumana igowuli lokulinganisa nayo iCity ngebhola efakwe
nguSurprise Ralani emzuzwini wamashumi amabini anesithathu.
Kuyiwe
kwixesha lokuphumla amaqela ebambene. Isiqingatha sesibini asivelisanga
magowuli nangona amaqela ebesukelana. Unozinti weSundowns, uDenis Onyango,
ebexakekile ezipalini kakhulu ngoba
ibihlasela isebenzisa amaphiko izama nokuqhekeza phakathi abadlali basemva
beDowns abebekhokelwa ligqala uWayne Arendse. UThato Mokeke noKermit Eramus
bawafumene amathuba okubeka iqela labo endaweni entle – kodwa ngelishwa,
iinzame zabo aziphumelelanga. Abadlali beSundowns abaziwayo abafana noThemba
Zwane, uSibusiso Vilakazi noGaston Sirino bebekhona emdlalweni futhi bazamile
ukudala amathuba – kodwa iindlela zabo ziye zavalwa ngamakhwenkwe kaBenni
McCarthy. Emva kwemidlalo emithathu, iSundowns iqokelele amanqaku amahlanu –
nayo iCity inamanqaku amahlanu.
Sundowns: Onyango, Morena, Arendse, Lebusa, Lakay, Coetzee,
Kekana, Zwane, Sirino, Vilakazi, Maboe.
Amalalela: Pieterse, Mabunda, Langerman, Mkhulise,
Makgalwa, Madisha, Ngcongca.
Seedat, Mobara, Mokeke, Makola, Ralani, Martin,mErasmus.
Amalalela: Stephens, David, Abrahams,
Kewuti, Morris, Norodien, Mthembu.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika iza kufika ngoLwesine